Inkcazelo yombongo
Ezinye iincwadi zesiXhosa ezixoxa ngomcimbi wemibongo kunqabile ukufumana inkcazelo yokuba yintoni kanye umbongo. Into esuka ifumaneke kukuchazwa kweentlobo zemibongo kwakunye neentlobo zeembongi. Mhlawumbi ke kusenokuba ziyaphosakala ezo zichazayo ukuba yintoni na umbongo. Kodwa kuvamile ukuba kungabikho nkcazelo, kungatshiwo ukuba azikho ezikwenzayo oko. Kunqabile ke ukuyifumana inkcazelo nakumaqonga okukhangela e-elektroni. Okwangoku makhe senze le inkcazelo yombongo ngelithi sisicengcelezo esenziwa ngumntu oye wafikelwa yiloo ntumekelelo yokucengceleza.
Isicengcelezo
Isicengcelezo singathi yintetho eyenziwa ngumntu ngento ethile kwaye anganqumami ukuthetha ngayo de agqibe loo ntetho yakhe ngaloo nto. Umntu owenza isicengcelezo kuthiwa uyacengceleza. Umntu ucengceleza nangantoni na ethe yamfikela ukuba acengceleze ngayo. Umcengcelezi angacengceleza ebonga umntu, indalo, mhlawumbi inyanga okanye umoya, izityalo, izilwanyana, iintaka, amaxesha onyaka, ndibala ntoni na. Yonke into ethe yamfikela uyacengceleza ngayo, nokuba kungomlomo okanye ngokuyibhala. Bakhona ke ababhali ababika ukuba umbongo ngumhobe. Bambi bathi umhobe ngumbongo. Kanti ke kukho nabathi umhobe ngumbongo onako nokuculwa. Batsho besalatha Umhobe Wesizwe njengomzekelo.
Imibongo
Imibongo ithetha ngezinto ezahlukileyo nangohlobo olwahlukileyo, kuxhomekeka kuloo nto icingwe yimbongi ngelo xesha ibonga ngalo. Loo nto ithi imibongo inemisebenzi eyahlukileyo ngamaxesha awahlukileyo, kwakunye nangokwahluka kweemeko ezikhokelela ekwenziweni kweso sicengcelezo. Abanye ababhali bathi izibongo endaweni yokuthi imibongo. Kwamfamlibe mandulo phaya, lungekabikho ubhalo lolwimi lwesiXhosa, imibongo ibikho, icengcelezwa ngabo bantu babesuka babe novukelo lokubhomboloza bebonga. Kungoko imibongo ibalelwa phantsi koncwadi lwemveli lwesiXhosa, uncwadi olungabhalwa ngalusiba koko lushicilelwa ezingqondweni lukhongozelwe ngeendlebe namehlo. Umntu owenza esi sicengcelezo, okanye obongayo, kuthiwa yimbongi. Neembongi ngokwazo zohlukile ngokohlobo ezibonga ngalo. Kodwa zonke phantse zibe neempawu ezifanayo okanye eziyeleleneyo. Okanye masithi zibonwa ngeliso elifanayo ngabo banobuchule nobungcali bokujonga imisebenzi yazo iimbongi.
Udidi lwembongi
Kuthe kwakufika usiba nabo bonke ubuxhakaxhaka obuhambiselana noshicilelo, zaqala zabhalwa, zashicilelwa kwaye zapapashwa izibongo zeembongi. Kulapho kuye kwazalwa ukuhlelwa kwemibongo neembongi. Imibongo ihlelwe ngokweendlela ezichaza ngayo loo nto ziyichazayo. Mhlawumbi singathi ngokwemisebenzi yayo. Iimbongi zihlelwe ngokokuba kukho iimbongi zomthonyama neembongi zosiba. Mhlawumbi kumele ukuba lukhona nodidi lweembongi ezimbolombini. Oko kukuthi ezomthonyama zibuye kwazona zibe zezosiba. Ezomthonyama zezi zivele zidanduluke zibonge ngomlomo izibongo zazo zibe zingacwangciswanga kwaye zingabhalwanga. Naxa kukho umcimbi okanye umsebenzi wesizwe imbongi yomthonyama ayifakwa kuluhlu lwenkqubo. Ithi nje apho ivukelwe yintumekelelo isuke itsho. Kodwa okuvamileyo kukuba imbongi iqale ibonge ukuba inkosi okanye ukumkani uzakuthetha ngaphambi kokuba ithethe.Iimbongi zosiba imibongo yazo zona yebhaliweyo – nokuba imbongi izakuyibonga ngomlomo, kodwa umbongo uzakube ubhaliwe.
Imbongi yaKomkhulu ibisonyulwa kwiimbongi zomthonyama ezikhoyo kwezo ziphaluka zilawulwa yiloo nkosi okanye ikumkani. Le yimbongi ezakusoloko ihamba nenkosi okanye ikumkani xa ihambela imicimbi yasebukhosini. Nesinxibo esinxitywa yile mbongi sohlukile kwezinye iimbongi ezingezombongi zaKomkhulu. Kwantlandlolo phaya le mbongi ibide yabelwe isiza kwalapha kwikhaya laKomkhulu. Izakuhlala apha komkhulu, ide iqonyelwe neenkomo, iibhokhwe neegusha. Isinxibo sale mbongi ibiba lufele lwehlosi, mhlawumbi nesinye isilwanyana esibalulekileyo sasendle. Kodwa ibingabi lufele lwengonyama okanye elengwe. Lawo ngawabantu begazi.
Xa sichaza iimpawu zembongi kuhle ukuvakalisa amagalelo eenkcubabuchopho zolwimi lwesiXhosa ezikwangababhali xa bechaza ukuba yintoni na kanye imbongi. Xa uqwalasela indlela abayichaza ngayo imbongi ufumanisa ukuba akukwazeki ukohlula ukuba iyintoni ube ungawuchazi umsebenzi wayo. Ezi mpawu ziyahlalutywa ngababhali abanje ngooMnu. Z.S. Zotwana kwincwadi ethi Imficamfincane, ekaMnu. K.S. Bongela kwincwadi ethi Amagontsi – Uncwadi Lwemveli nebhalwe nguMnu. Satyo S.C. nabanye kwincwadi ethi Sasinoncwadi kwatanci. Akucatshulwanga ngqo kwezi ncwadi, kwaye njengokuba kuxovulwa iimpawu zeembo aba babhali abazukubizwa nganye nganye koko kuzakushankathelwa izimvo zabo zoko bakubona kuziimpawu zeembongi.
Imbongi ayonyulwa kwaye ayizonyuli koko ivakalisa isipho esiphiwe nguMdali nezinyanya. Loo nto ithi imbongi ngumnyulwa woMdali. Imbongi inyanisekile kwaye kumele ithethe inyaniso evela eNyangweni isiza ebantwini. Iyathuthuzela kwabo baxakanisekileyo. Ngaphandle kokuthuthuzela, imbongi ikwakhuthaza ibuye ilumkise. Iyafundisa kwabaphambukayo – ifundisa nangamasiko kunye neendlela zokuziphatha. Ikwafundisa nangemvelaphi yesizwe. Ilikhonkco phakathi kwabalawuli nabalawulwa. Ekuthetheni inyaniso imbongi ayinyali ukuchaza iimfuno zabantu kubalawuli kunye nokuchaza imvakalelo yabantu xa ulawulo luhexa.Ineliso elibukhali, elibona noko kungabonwayo nekungekabonwa luluntu. Loo nto ithi imbongi ikwaprofetha. Imbongi liciko lokukhetha amagama de ibeyingcali yokuqamba amagama amatsha. Kwindlela yayo yokuthetha, ngakumbi imbongi yomthonyama, iyakwazi ukunyanzelisa ukuba abantu mabayimamele nakubeni bekungekho saziso sokuba izakuthetha. Loo nto ithetha ukuba imbongi ivele ivumbuluke ithethe nokuba kunini na, nokuba kuphi na. Ukuba ikhe yakhwaza yathi, “Hoyina-a! nokuba itsho kangaphi, oko kukhwaza kukutsho abantu baphunguze befuna ukubona ukuba ingaba itsho kweliphi na icala babe sebeyimamela. Xa isithi, ‘Hoyina-a!’ sisishwankathelo sokuthi, “Anindihoyi na!”
Imbongi inobuchule bokuthetha ngezangotshe kwaye yenze izangotshe xa ibonga. Ezona zangotshe ziqaphelekayo zizafobe, kuquka izaci namaqhalo. Mhlawumbi singakhe siyinyengeze nento yokuba abaMhlophe abazange bayeke ukufuthela into yokuba iimbongi zizibethise ngoyaba iindawo ezichaphazela ukugxeka ulawulo lwabo. Xa sidlula sithetha ngeentlobo nemisebenzi yemibongo masiqaphele ukuba sikwathetha ngezi mpawu zeembongi. Kungoko sithe masiqale ngokuthetha ngazo. Umzekelo, sinemibongo echazayo, ekhuthazayo, enqulayo, ethuthuzelayo, egxekayo, encomayo, ebalisayo, njalo njalo. Singatsho ukuba imibongo luhlobo loncwadi olubaluleke kakhulu kwisincwadi sesiXhosa. Zingekho iimbongi nemibongo ininzi into uluntu olunokuphulukana nayo. Naxa siqwalasela iimpawu zeembongi siyafumanisa ukuba zikhona izinto ezenziwa yimibongo neembongi ezingenako ukwenziwa lolunye uncwadi lwesiXhosa.