Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam’ uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat’ uBhere unezinye iingcinga, wathi, “Hayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing’ ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe sesipholile ngokwaneleyo.” “Ngumbono omhle lowo …