Kwahlala kwahlala kwayintsomi.
Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam’ uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat’ uBhere unezinye iingcinga, wathi, “Hayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing’ ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe sesipholile ngokwaneleyo.”
“Ngumbono omhle lowo tata,” utshilo umam’ uBhere. Sashiywa isidudu ezityeni esiphakelwe kuzo zontathu. Kwathiwa chu ehlathini, uBherana emana ezidlalela nangamagqabi emithi. Njengokuba amabhere ehamba-hamba ehlathini nje, kuthe kanti kukho mntu uthile naye okwalapha ehlathini. Leyo ke yintombazana eyayineenwele zegolide, de yaphiwa igama lokuba nguNwelezelanga. UNwelezelanga wayedukile aph’ ehlathini. Apha ekuhambeni kwakhe wathi mandla ngale ndlu yamabhere. Wankqonkqoza, wankqonkqoza, wankqonkqoza, kodwa akwabikho mpendulo. Wagqiba kwelokuba makangene kuba nocango lwalungavalwanga.
Uthe akungena wee mandla nezitya ezintathu zizele zizidudu ezinevumba elimnandi nelincamis’ umxhelo. Ndlela le wayelambe ngayo, kwabanzima ukuzibamba. Wathatha icephe, wakha esityeni sikatat’ uBhere. ‘Yhu, yhu, yhu! Siqinile esi sidudu, kwaye siyakrakra. Sinetyuwa eninzi. Hay’ asindilungelanga mna,” wacinga watsho. Uye kwesikamam’ uBhere. Naso ufike siqinile kodwa sineswekile eninzi. Naso uthe asimlungelanga. Udlulele kwesikaBherana wathi makakhe angcamle. “Mhhhh! Sehla kamnandi ngombizo ke ngoku esi,” utsho sel’ ephindaphinda ukukhelelela. Waqabuka sel’ ekrwela isitya engaqondanga ukuba usiqwelile isidudu sikaBherana.
Uthe akuhlutha kwabuya konke ukudinwa. Wazulazula aph’ endlwini ekhangela ukuba angaphumla phi na. Esazula njalo wadibana negumbi elinezitulo. Wahlala kwesokuqala, asamlungela kuba sasiqinile. Waya kwesesibini, esikamam’ uBhere, wafika sithambe kakhulu. Esesithathu sona wasifumana sintofontofo kamnandi waze wahlala kuso. Esahleli kwesi sihlalo waqaphela ukuba wonganyelwa bubuthongo obungummangaliso. Waphakama esitulweni kuba engathandi ukulala kuso. Wakhangela emagumbini ejonga ukuba akanakubona mandlalo na. Uye wangena kwigumbi apho abone kukho umandlalo kulo. Uthe akuzama ukulala kulo wafumanis’ ukuba umandlalo uqine uyinkonkoni, akanakwazi ukulala kuwo.
Udlulele kwelinye igumbi lokulala, wathi xa ezama ukulala kuloo mandlalo suka wathamba pece. Wabon’ ukuba nalowo umandlalo awumlungelanga, waze wawushiya ekhangela ukuba akungebi ukho okanye awukho omnye na. Nako ke ngoku efika kwigumbi likaBherana apho abone khona omnye umandlalo. Wasuka lo umandlalo wamonela ngokobukhulu kwaye wantofontofo kamnandi. Walala kulo mandlalo, kanti ulele yoyi, akeva kwanto eyenzekayo.
Emva kwethuba afika Amabhere. Aya ezitafileni ethembile ukuba kumele sezipholile izidudu zazo. “Ngubani lo obesitya isidudu sam?” Kuviwe ngotat’ uBhere sel’ edanduluka, ebhavumla. “Ngubani lo obesitya isidudu sam?” Nanko nomam’ uBhere emangalisiwe. Naye akafumananga mpendulo ngaphandle kokukhwina kukaBherana esithi, “Esam isidudu sityiwe saphela. Ngubani otye isidudu sam? Ndiza kutya ntoni ngoku?”
“Masimkhangele lo mntu ungene endlwini yethu singekho,” kutsho utat’ uBhere. “Kungenzeka ukuba zezi nkawu zeli hlathi zingenambeko,” uqhubeke watsho utat’ uBhere. Ahamba ekhangela emagumbini. Athe xa efika egumbini lokuhlala kwabonakala ukuba ukho undonakele. Kuviwe ngotat’ uBhere esithi, “Ukho lo ebehleli esihlalweni sam.”
“Nakwesi sam bekuhleliwe,” utshilo umam’ uBhere. “Nesam isihlalo bekuhleliwe kuso mama,” kutsho uBherana. “Mhlawumbi nabo bathathu njengathi. Ingathi izakuba yingxaki le sikuyo,” kusatsho utat’ uBhere. Ahambe ekhangela de aya kukufika kumagumbi okulala. Nakuwo bafike bafumanisa ukuba umondlalo katat’ uBhere nomam’ uBhere ebezisetyenzisiwe, kodwa akukho bantu balele kuzo. Bathe besamayishekile beva ngoBherana ekhwaza esithi, “Nanku lo mntu elele apha emondlalweni wam!”
Bakhawuleza baya utat’ uBhere nomam’ uBhere bafika bambona uNwelezelanga elele yoyi. Utat’ uBhere wathi makayekwe alale. Uyakungcanjaziswa akuvuka. Wayesel’ evukile uNwelezelanga, nto nje wazilalisa emva kokuba ekrobe ngeliso wabon’ ukuba ngamabhere. Wayesel’ enkwantya kukoyika, uvalo selungathi luzakutaka ngomlomo.
Athe akuphuma egumbini Amabhere wachwechwa ngeenzwane, wavula ifestile kanci-i-i-inci, waphuma ngayo, wagqotsa ukungena phakathi ehlathini waphel’ emehlweni. Emva kwethuba aza amabhere xa eqikelela ukuba inokuba ulele ngokwaneleyo uNwelezelanga. Athe akufika egumbini likaBherana, Nwelezelanga wayephi? Afika kukhal’ ibhungane, asala ekhwankqisekile.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Kubabalulekile ukuqinisa ukhuseleko kwindawo ohlala kuyo, ngakumbi xa kungekho mntu okhoyo. Maxa wambi kufika isela lizitapele limke nako konke okukokwakho.