Intsomi yesiXhosa: UNomahamle
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman’ ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha ukuya kowabo. Uthe, “Nizakuhamba ngale …