Intsomi yesiXhosa: UFudo nabantwana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho imbalela elizweni. Kwatsha imilambo namadama. Kwakusele idama elinye elalisenamanzi, nalo selisitsha. Kwelo dama kwakudla ngokuqubha kulo amadada amabini kunye nofudo. Kuthe kuba kubonakala ukuba amanzi ayaphela kweli dama, amadada agqiba kwelokuba azakuhamba aye apho kungekho mbalela khona. Aluxelela ufudo, lwaza lwakhathazeka ukuva ezi ndaba lathi, “ Ke ngoku mna ndizakusala …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfo othile ekwakusithiwa ngu-Alibhabha. Lo mfo wayehlala nomfazi wakhe kunye nabantwana. Babephila ngokuthengisa iinkuni edolophini. Ezi nkuni wayezigawula ehlathini ze azithuthe ngoondlebende bakhe abathathu. Umkhuluwa wakhe yena wazeka umfazi osisityebi, waza naye waba sisityebi ngolo hlobo. Akazange amncede nganto umninawa wakhe ukuze amxhase angahleleleki ekusweleni kwakhe. Kwathi ngeny’ imini u-Alibhabha …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UNomahamle

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman’ ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha ukuya kowabo. Uthe, “Nizakuhamba ngale …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UDyakalashe noMvolufu beba iigusha

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Kwabakho imbalela nendlala kwelo lizwe labo, kwanqaba nokutya, kwaye kungekho nethemba lokuba kungafumaneka. UDyaki wacinga iqhinga lokuba angenza njani na ukugxoth’ indlala. Kuloo ndawo yabo kwakukho nomlungu owayeneegusha eziniiiinzi. Ezi gusha zazilaliswa ebuhlanti ngexesha lasebusuku, ze zivulelwe ngentlazane. Lalingekho ithuba lokuba oodyakalashe bangaziba emini kuba zazisaluswa ngumelusi, kwaye …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya kwaninakhulu wahlangana nengcuka eyambuza imvelaphi …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho inkawu eyayihlala emthini ngasesizibeni somlambo. Ngaminazan’ ithile yabona kufika ingwenya yema enxwemeni lomlambo. Yabulisa kwinkawu, yachaza nokuba indwendwele kuyo. “Uthini na ngoku ngwenya? Ndikuva kakuhle? Wena uzokubona mna? Azidibani nje ngoku ezi zinto.” Imangele yatsho inkawu. “Kanti ke ndikuphathele iindaba endicinga ukuba uyakuzithanda kwaye uzivuyele nokuzivuyela. Kodwa ke andikunyanzeli ukuba …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: Unyawanazibomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho amantombazana amane awayeyakutheza ethafeni elithe qelele kowawo. Kwakusemva kwemini ukunduluka kwawo, babe besazi ukuba bazakubuya ngelemivundla. Kuthe xa sebesendleleni, bethe tyishi elalini, babona udade wabo omncinci ebalandela. Bamyalela ukuba abuyele ekhayeni, kodwa akazange avume. Nabo babengenakwazi ukumgodusa ze baphinde babuye ngoba babezakulibaziseka ngakumbi. Bagqiba ukuba bahambe naye, nakubeni babengayithandi loo nto. …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: Isigebenga siyahlaselwa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho izigebenga ezaziyokuzingela into etyiwayo. Zahamba, zahamba, zahamba, zingade zifumane kwanto. Kwade kwasebusuku zizingela, zagqiba kwelokuba mazibuyele ezindaweni zazo ze zibuye zizingele kusuku olulandelayo. Zafathula kobo bumnyama endleleni egodukayo, zihamba zihlofeka kumahlahla nemixawuka. Kwabakho esi sigebenga siye sabona igxamesi, saza sayokungena kulo. Kwakusekumnyama tsiki, ungenako nokubona nomnwe lo. Sithe sisakube siphakathi …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: Isikhukukazi nabahlobo baso

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho isikhukukazi esasinabahlobo abane, ihagu, ikati, inja kunye nempuku. Sasibathanda kakhulu aba bahlobo, kwaye singafuni kwahlukana nabo. Ngaminazan’ ithile sathi sizizulazulela isikhukukazi sabona ikhozo lengqolowa, salichola. Sacinga ukuba sililime eli khozo, kodwa sacinga ukuba sikhe siye kubahlobo baso ukuze basincedise ekulimeni. Besakube behlangene sathi isikhukukazi kubo, “Bahlobo bam, ndichole ikhozo lengqolowa. …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UDyakalashe neHobe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho ihobe elalinamantshontsho, lakhele indlwane yalo emthini. Laliwakhulisa kakuhle la mantshontsho kwaye liwathanda kakhuuulu. Ngaminazan’ ithile kwafika uDyakalashe wakhwaza ihobe esithi, “Hobe, hobeee! Bangaphi abantwana bakho?” “Bathathu,” liphendule latsho ihobe. “Khawuphose apha abemnye khe ndimbone,” utshilo uDyaki. “Andicingi, uza kumtya,” liphendule ngelo ihobe. “Ndokhwela, ndokhwela nditye kunye nawe,” ugrogrise watsho umaqhingana …

Funda okunye