Intsomi yesiXhosa: Isigebenga neZinambuzane

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Amantombazana elali ethile aphuma eyokuhlamba impahla emlanjeni. Zahlanjwa zabuya zonekwa ematyeni iimpahla ukuze zome. La mantombazana ayezidlalela emanzini nasentlabathini ngeli xesha ayelinde ukuba yome impahla. Kwala xa libantu bahle bacinga ngendlela eya ekhaya. Kaloku babelumkisiwe ngabazali ukuba bangahlali lide litshone ngoba kukho amazim kwela nxweme babeyokuhlamba impahla kulo, kwaye amazim akhona …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam’ uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat’ uBhere unezinye iingcinga, wathi, “Hayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing’ ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe sesipholile ngokwaneleyo.” “Ngumbono omhle lowo …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe xa beqala ukugawula basuka balimazana …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kudala-dala ilizwe lalilihle, imvula isina, kuluhlaza yaka, endle phaya, ilizwe liyintombazana. Umvundla wacinga ukuba ukuze ungabinangxaki xa libuye labalela kufuneka elimile. Kodwa wacinga ukuba akazukuba namandla okulima umhlaba okumlinge wentsimi. Wacinga, wacinga, wacinga, wagqiba kwelokuba makayokudibana nendlovu ayicele ukuze bancedisane ekulimeni umbona. Ngenene wahlangana nendlovu, nayo yabona ingumbono omhle lo uza nomvundla. …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: Umsila wembila

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Inkosi yezilo nezilwanyana, ingonyama, yabiza imbizo yazo zonke izilwanyana. Kule ntlanganiso isilwanyana ngasinye sasizakunikwa umsila ngokohlobo lwaso. Le misila yayizakuzinceda ekuphekuzeni izibawu, iimbuzane, iimpukane kunye nezinye izinambuzane ezithi zinambuzelele kuzo. Kwakhona le misila yayizakuzinceda ekuxhathiseni. Yaba yimingcelele nemiqodi yezilo nezilwanyana ukuya nokubuya komkhulu. Bezithi xa zibuya zibe ziyijiwuzisa imisila yazo zonwabile. …

Funda okunye