Intsomi yesiXhosa: Umsila wembila

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi.

Inkosi yezilo nezilwanyana, ingonyama, yabiza imbizo yazo zonke izilwanyana. Kule ntlanganiso isilwanyana ngasinye sasizakunikwa umsila ngokohlobo lwaso. Le misila yayizakuzinceda ekuphekuzeni izibawu, iimbuzane, iimpukane kunye nezinye izinambuzane ezithi zinambuzelele kuzo. Kwakhona le misila yayizakuzinceda ekuxhathiseni.

Yaba yimingcelele nemiqodi yezilo nezilwanyana ukuya nokubuya komkhulu. Bezithi xa zibuya zibe ziyijiwuzisa imisila yazo zonwabile. Kwala kusahanjwa njalo kwadlula inkawu ngasemaweni, apho kuhlala khona imbila. Inkawu ive ilizwi elikhwazayo lisithi, “Uz’ undiphathele!” Ithe xa ithi iyabheka inkawu, nantso imbila ithe ngcuu phezu kweliwa. Inkawu ithe, “Molo mbila. Ingathi ubuthetha qha andikuvanga kakuhle ukuba uthini na. Phofu andazi nokuba ibinguwe na obuthetha kwaye uthetha nam na.”

“Hayi nkawu, ndithetha nawe. Bendikuyaleza ukuba uze ucele inkosi ukuba owam umsila iwuphathise wena”, itshilo imbila, “Mna ndisenengxaki enkulu endivelele ngequbuliso, kwaye kungakubi kakhulu ukuba ndingahamba ndingekayilungisi. Ngoku ndicing’ ukuba kwakube sekuvaliwe ndisakube ndigqibile ukuyilungisa.” Yatsho iphosisa imbila, nto nje yayonwabele ukugcakamela ilanga. “Kulungile, ndakwenjenjalo”, yaphendula yatsho inkawu. Iphinde yathathisa seyigxanya kuba icing’ ukuba iyaphela imisila komkhulu.

Ngethamsanqa yawufumana umsila inkawu. Inkosi yafakelela nalo wembila kulo wenkawu. Ithe xa igoduka inkawu yasuka yahamba ngandlela zimbi, ayadlula ngokudlulisa umsila wembila. Phofu ke yathi yakujonga lo msila yawubona uyifanele kwaye uyinceda ekubambeleleni nasemasebeni emithi. Imbila yajonga, yajonga, yajonga lada layakutshona ilanga ingade ifike inkawu. Yancama yayakungena emngxunyeni wayo.

Kunanamhla imbila ayinamsila, ibe inkawu yona inegqajolo lomsila.

Phela, phela ngantsomi.

Imfundiso: Thabatha uxanduva lokuzenzela into efanele ukwenziwa nguwe. Musa ukubeka izizathu ezingekhoyo nezingahambelani noko ufanele ukuba wenza izigqibo ngako. Musa ukwenza izigqibo oyakuthi uzisole ngazo kwixa elizayo.

2 thoughts on “Intsomi yesiXhosa: Umsila wembila”

Leave a Reply