Intsomi yesiXhosa: Umsila wembila
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Kwathi ke kaloku ngantsomi. Inkosi yezilo nezilwanyana, ingonyama, yabiza imbizo yazo zonke izilwanyana. Kule ntlanganiso isilwanyana ngasinye sasizakunikwa umsila ngokohlobo lwaso. Le misila yayizakuzinceda ekuphekuzeni izibawu, iimbuzane, iimpukane kunye nezinye izinambuzane ezithi zinambuzelele kuzo. Kwakhona le misila yayizakuzinceda ekuxhathiseni. Yaba yimingcelele nemiqodi yezilo nezilwanyana ukuya nokubuya komkhulu. Bezithi xa zibuya zibe ziyijiwuzisa imisila yazo zonwabile. …