Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kudala-dala ilizwe lalilihle, imvula isina, kuluhlaza yaka, endle phaya, ilizwe liyintombazana. Umvundla wacinga ukuba ukuze ungabinangxaki xa libuye labalela kufuneka elimile. Kodwa wacinga ukuba akazukuba namandla okulima umhlaba okumlinge wentsimi. Wacinga, wacinga, wacinga, wagqiba kwelokuba makayokudibana nendlovu ayicele ukuze bancedisane ekulimeni umbona. Ngenene wahlangana nendlovu, nayo yabona ingumbono omhle lo uza nomvundla. …