- Amahlathi aphelile: Amaqhinga awasamsebenzeli loo mntu uwenzayo.
- Umqol’ uphandle: Amaqhinga adulile.
- Ingalo engaphantsi: Ukwenza iqhinga okanye iyelenqe.
- Uphuncuka bemphethe: Umntu ongazibambiyo izigqibo okanye ongafumanekiyo sekusithiwa uyafunyanwa.
- Ukuba neminwe emide: Ukuba lisela.
- Lichathaza elinyawombini: Umntu obalasele ngobusela. Ichathaza luhlobo lwekati yasendle edume ngobusela ingabonwa, sekufane kubonwe ngomonakalo ewenzileyo ezinkukwini, kwakhona kubonwa nangemizila yeenyawo zayo.
- Umathatha ngozwane: Isela.
- Umalamb’ edlile: Umntu owenze into asuke athozame ngokungathi akukho kwanto ayenzileyo. Umntu ongade abenesiqu nakubeni esitya ngokwaneleyo.
- Iqhinga lidliwe yinja: Iqhinga lakhe libhaqekile.
- Ukwanyiselela kofileyo: Ukuqhatha. Ukubonakalisa ukungamamkeli omny’ umntu.
- Igqubusha: Umntu onamaqhinga.
- Udyakalashe (onkone): Umntu osoloko enamaqhinga. Kaloku udyakalashe wasentsomini wayesoloko enamaqhinga ekwazi nokuzikhupha ezingxakini azifake kwangokwakhe kuzo.
- Ukhwekhwe lwexhwili: Umntu ongafuni kwahlukana nomnye. Unonca.
- Ukhwekhwe lukaNtshweza: Umntu ongafuni kwahlukana nomnye, ngakumbi ngokumchukela.
- Utshelwe zizicheku: Amaqhinga aphelile, yonk’ into idulile.
- Amavel’ etshona: Amaqhinga. Ukunika izizathu ezingabhadlanga ngokwenza okanye ukungenzi into ebekumelwe ukuba uyenze.
- Iqhinga aliphekwa: Xa uzakuthetha iqhinga sukucengceleza ukuba uzakuthetha ntoni na.
- Iqhinga liyazakha: Iqhinga liyazivelela ngelo xesha kufuneka lenzeke ngalo, alicetywa kwangaphambili.
- Ubulawu bempungutye: Ukuba namaqhinga.
Izaci ngobuqhetseba okanye amaqhinga nobusela
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso