Izaci ngobuqhetseba okanye amaqhinga nobusela

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Amahlathi aphelile: Amaqhinga awasamsebenzeli loo mntu uwenzayo. 
  • Umqol’ uphandle: Amaqhinga adulile. 
  • Ingalo engaphantsi: Ukwenza iqhinga okanye iyelenqe. 
  • Uphuncuka bemphethe: Umntu ongazibambiyo izigqibo okanye ongafumanekiyo sekusithiwa uyafunyanwa. 
  • Ukuba neminwe emide: Ukuba lisela. 
  • Lichathaza elinyawombini: Umntu obalasele ngobusela. Ichathaza luhlobo lwekati yasendle edume ngobusela ingabonwa, sekufane kubonwe ngomonakalo ewenzileyo ezinkukwini, kwakhona kubonwa nangemizila yeenyawo zayo. 
  • Umathatha ngozwane: Isela. 
  • Umalamb’ edlile: Umntu owenze into asuke athozame ngokungathi akukho kwanto ayenzileyo. Umntu ongade abenesiqu nakubeni esitya ngokwaneleyo. 
  • Iqhinga lidliwe yinja: Iqhinga lakhe libhaqekile. 
  • Ukwanyiselela kofileyo: Ukuqhatha. Ukubonakalisa ukungamamkeli omny’ umntu. 
  • Igqubusha: Umntu onamaqhinga. 
  • Udyakalashe (onkone): Umntu osoloko enamaqhinga. Kaloku udyakalashe wasentsomini wayesoloko enamaqhinga ekwazi nokuzikhupha ezingxakini azifake kwangokwakhe kuzo. 
  • Ukhwekhwe lwexhwili: Umntu ongafuni kwahlukana nomnye. Unonca. 
  • Ukhwekhwe lukaNtshweza: Umntu ongafuni kwahlukana nomnye, ngakumbi ngokumchukela. 
  • Utshelwe zizicheku: Amaqhinga aphelile, yonk’ into idulile. 
  • Amavel’ etshona: Amaqhinga. Ukunika izizathu ezingabhadlanga ngokwenza okanye ukungenzi into ebekumelwe ukuba uyenze. 
  • Iqhinga aliphekwa: Xa uzakuthetha iqhinga sukucengceleza ukuba uzakuthetha ntoni na. 
  • Iqhinga liyazakha: Iqhinga liyazivelela ngelo xesha kufuneka lenzeke ngalo, alicetywa kwangaphambili. 
  • Ubulawu bempungutye: Ukuba namaqhinga. 

Leave a Reply