Intsomi yesiXhosa: UMvolufu uloba iintlanzi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Ngeny’ imini umvolufu ufika udyakalashe esitya intlanzi, wabuza ukuba ebeyithatha phi na. “Hay’ bo malume, uvela phi ndiye? Kwezi ntlanzi zininzi kangaka kweli chibi lises’ apha! Kanti malume awuyazi into engaka edume ilizwe lonke? Inokuba nguwe wedwa ongayaziyo into enkulu kangaka,” watsho ephinda eluma entlanzini. Hay’ ke, zavuza …

Funda okunye

Intsomi yesiXhosa: UDyakalashe noMvolufu beba iigusha

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Kwabakho imbalela nendlala kwelo lizwe labo, kwanqaba nokutya, kwaye kungekho nethemba lokuba kungafumaneka. UDyaki wacinga iqhinga lokuba angenza njani na ukugxoth’ indlala. Kuloo ndawo yabo kwakukho nomlungu owayeneegusha eziniiiinzi. Ezi gusha zazilaliswa ebuhlanti ngexesha lasebusuku, ze zivulelwe ngentlazane. Lalingekho ithuba lokuba oodyakalashe bangaziba emini kuba zazisaluswa ngumelusi, kwaye …

Funda okunye