Kwathi ke kaloku ngantsomi.
Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Ngeny’ imini umvolufu ufika udyakalashe esitya intlanzi, wabuza ukuba ebeyithatha phi na. “Hay’ bo malume, uvela phi ndiye? Kwezi ntlanzi zininzi kangaka kweli chibi lises’ apha! Kanti malume awuyazi into engaka edume ilizwe lonke? Inokuba nguwe wedwa ongayaziyo into enkulu kangaka,” watsho ephinda eluma entlanzini. Hay’ ke, zavuza izincwe kumvolufu. Wamane eginy’ ingwiqi. Ngelo xesha udyakalashe wayephindaphinda ukuluma oku, athi xa ehlafuna ajonge kumvolufu. “Hayi malume, ndiyabon’ ukuba uzakude uxov’ udaka ngezi zincwe uzigalela emhlabeni. Yithi ndikuphe le bendithi ndiza kuyitya ngokuhlwa,” watsho emnika enye intlanzi.
Wabulela edomboza umvolufu. Akazange aphozise maseko, wabe sel’ eluma iqatha elinye emva kwelinye. “Yho, Dyaki! Ingathi undivile indlela ebendilambe ngayo,” utsho ethetha ngomnthamo umvolufu, “oko ndiyigqibele izolo into eya phantsi kwempumlo. Kudala ndizula eli thafa nezi nduli ndizingela, nto nje ndibuya nemband’ esikhova.”
“Hayi kodwa lume uyaziyekela nje. Kodwa ke andiphindi ndikucuntsulele kwezam. Nawe kufuneka uziyele ukuya kuloba,” utshilo uDyaki. “Khawundibonise eli chibi uthetha ngalo lineentlanzi ezinambitheka kangaka. Kwakhona ke mtshana kwakufuneka undifundise nendlela yokuloba. Sendifuna ukuya kwelo chibi ngalo mzuzu,” watsho sel’ esima ngemilenze umvolufu. Wahleka egigitheka wade walala ngomqolo uDyaki wathi, “Yintoni ukungxama kangaka malume? Kaloku iintlanzi azibanjiswa ngeli xesha ukuba ufuna ukubambisa zibeninzi.”
“Uthini na ngoku? Kutheni ingathi izakusokolisa nje le nto yokuloba? Mna ndifuna ukuloba ngawo lo mzuzu,” utsho emana ejiwulizisa umsila umvolufu. “Kaloku lume xa kulotywa ngeli xesha zakubaleka zonke iintlazi, zisothuswa sisithunzi sakho,” kutsho uDyaki. “Ke ngoku kufuneka ndithini, njani?” Kubuza umvolufu. “Ukuze ukwazi ukubambisa iintlanzi ezininzi malume, kufuneka ulobe ebusuku. Kulula ke. Uvele nje ufake umsila emanzini, zizakuzizela ngobuninzi bazo kuwe. Uzakubangathi uyazibizela,” utshilo udyakalashe. “Masihambe kaloku Dyaki,” ungxame ngelo umvolufu.
“Hayi uyazifuna ezi ntlanzi lume. Kaloku bendithe kuyiwa ebusuku,” uphendule uDyaki. Bude bafika ubusuku ekukukade ebulinde ngabomvu umvolufu. Baphuma uDyaki nomvolufu besinge echibini. Imozulu yayingemnandi, ingqele iqhaqhazelisa amazinyo. Phofu ke kwakusebusika. Kwafuneka umvolufu efake umsila wakhe emanzini. “Wufake wonke kaloku lume ukuze uzokubambisa iintlanzi ezinzi,” ucebise ngalawo uDyaki. Uthe akube ewufake wonke umsila wakhe umvolufu wathi uDyaki aze awugcine ngolo hlobo, angawususi kule ndawo ukuyo, kwaye angawukhuphi de kuthi qheke ukusa. Wabe esithi iintlanzi zibaninzi kanye ngeli xesha lentatha kusa.
Wahamba ke uDyaki, wasala kwelo chibi umvolufu. Wanyamezela loo ngqele, elulamele imiyalelo kaDyaki. Lifikile ixesha lokususa umsila. Yaqala ke ngoku inkathazo. Ubengathi uqhele ukuthi umvolufu, wangatsho ukuphuma umsila. Wayezele lithemba lokuba inokuba ubambise intarhantarha yeentlanzi. Wayesel’ ezibona ezinika kwezo ntlanzi, ibe ilityeli likaDyaki ukuvuza izincwe. Waphinda wazama ukukhupha umsila emanzini, nkqi ukuphuma umsila.
Kwathi xa kuqala ukukhanya wathi makakhe ajonge ngemva ukuba inokuba ziintlanzi ezingakanani ezi azibambisileyo. Intoni! Iintlanzi zaziphi! Umsila wakhe utshone le emkhenkceni. Ngumkhenkce lo ubambe umsila wakhe. Washwabula umvolufu, efunga ukuba apho ambambe khona udyakalashe uzakumbonisa amaqhekez’ engqele. Wahlala apho umvolufu elinde ukunyibilika komkhenkce. Kwala ngentlazane wanyibilika umkhenkce, waphuncuka umsila kamvolufu ungabambisanga nenye intlanzi.
Wayengasaziva ngumsindo, engasanyatheli, ephala, esiya kuzingela uDyaki. Kwathi kanti uDyaki uyambona njengokuba esezithendeni zakhe nje. Kuthe kuba kwakusethambekeni lentaba kukho namawa, uDyaki wavele wabamba iliwa. Uthe akuthi gqi umvolufu wakhwaza uDyaki wathi, “ Yhuu, malume! Kunini ndikulindile uzokundibambisa eli liwa lingadiliki. Kudala ndilixhasile, ndidiniwe ngoku kwaye lingasuka lidilike nanini na lisityumze sobabini. Khawuleza lume uzokuxhasa apha ecaleni kwam,” watsho uDyaki onkone.
Zange abe sabuza umvolufu, waxhasa iliwa ecaleni kukaDyaki. Ethubeni uye wakhalaza uDyaki esithi, “Yhoo, malume! Ingalo zam sezidinwe kakhulu ngoku. Kudala ndixhasile. Khawukhe uxhase kancinci ndikhe ndiphumle.” Watsho eshiya umvolufu exhase yedwa. Wavela waphel’ emehlweni uDyaki. Waxhasa umvolufu esoyika ukuliyeka iliwa, hleze limtyumze. Wayesel’ eme nematha ngoku ukuba uphi na uDyaki emshiye yedwa kwenje ingozi.
Waxhasa, waxhasa, waxhasa umvolufu, de ngelingeni kwavela imfene. Yabuza ukuba wenzani, waza wachaza. Yacubhuka yintsini imfene imncoma ubutyhakala. Yathi makaliyeke iliwa. Waliyeka iliwa mvolufu, alatsho ukushukuma limwele.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Nokuba sewuswele kangakanani na, musa ukuvumela omnye umntu akwenzise into ongamelanga kuyenza nokuba sekusithiwa ufume kangakanani na, okanye ulumnke,kangakanani na,loo mntu.