Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe xa beqala ukugawula basuka balimazana …