Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi.

Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile.

Bathe xa beqala ukugawula basuka balimazana ngamazembe abo. Kwanyanzeleka ukuba bagoduke bengaphethanga nezo nkuni kuba zange babenako ukuqhubekeka ngokugawula. Kusuku olulandelayo unyana omncinci wavukela ehlathini esiya kugawula. Balandula ukuhamba abakhuluwa bakhe, bebika umenzakalo owenzeke ngezolo. Wahamba ke uDambile, kuba yayiligama lakhe elo, equbule izembe lakhe ekwaphethe nomphako. Uthe esandul’ ukufika ehlathini kwafika ixhego elabika indlala. Lacela ukuba alincede aliphe ukutya. Walinika umphako wakhe wathi, “Nako ukutya ebendiziphathele kona. Ungatya kangangoko unako, nokuba ungandishiyela intwana nje kulungile, ndakwanela.”

Uthe xa ezakugawula umthi awukhethileyo lamnqanda ixhego lisithi, “Hayi nyana, musa ukugawula lowo umthi. Gawula lowa, nguwo okulungeleyo.” Latsho lisalatha ngomsimelelo walo. Wenze ngokomyalelo uDambile, wagawula wade wawa umthi. Usakube uwile kwathi gqi irhanisi elinamaphiko aneentsiba zegolide. Ixhego lathi makalithathe agoduke nalo. Uze ulilondoloze elo rhanisi. Liyakukuzisela amathamsanqa,” litshilo ixhego. Lithe lakugqiba ukutsho lanyamalala.

Uhambile uDambile ephethe irhanisi lakhe elineentsiba zegolide. Wayevuya kakhulu, selede walibala nelo zembe kunye naloo mphako wakhe. Iinkuni ke zona wayengasacingi nokucinga ngazo. Wanyathelela phezulu esendleleni egodukayo esingathe irhanisi lakhe. Wayengathi akasafiki kowabo. Uthe esesendleleni egodukayo wadibena nabafana ababini. Bathi bakubona irhanisi likaDambile bamcela ukuba abanike balibone. Wabanika, balibuka, baphinda balibuyisela kuye. Uthe xa egqiba kumnika lo ebeliphethe, wathi uyahamba suka wancamathela kuDambile. Lo wesibini uzame ukutsala lo unamathele kuDambile, suka naye wancamathela kulo amtsalayo. Yaba nguloo mkrozo, belandelelana, omnye ethe nca komnye.

Endleleni badibana nentombazana. Bayicela ukuba itsale lo wokugqibela ukuze baphuncukane. Uthe akuzama ukutsala, suka naye wee nca kulo ebezama ukumtsala. Bahamba benguloo mkrozo, bengazi ukuba kwakuthi kuphi kube kuphi. Kodwa ke babesiya kuloDambile. Indlela eya kuloDambile yayidlula kumzi wenkosi yeso sithili. Bathe xa bedlula emzini wenkosi babonwa yintombi yenkosi ihleli evurandeni. Ithe yakubabona benguloo mkrozo womnye ethe nca komnye, yayothula intsini. Hay’ ke yagigitheka yade yaqikileka.

Ngomothuko yaphuma endlwini inkosi ifun’ ukuqonda ukuba kwenzeka ni na. Ithe yakubona umntwana wayo ehleka okokuqala ebomini bakhe, yagcwala yimincili, ivuyela oko kwenzeka emntwaneni wayo ongazange wahleka kusukela oko wazalwa. Kangangemincili eyayinayo inkosi yanikela ngentombi leyo yayo ukuba ibe yinkosikazi kaDambile. Kusukela ngelo xesha waqhawuka umqokozo womkrozo kaDambile nabo babethe nca kuye. Kwenziwa amalungiselelo omtshato kaDambile, ezakutshata inkosazana.

Phela, phela ngantsomi.

Imfundiso: Amatyeli amaninzi iba lithamsanqa neentsikelelo ukunceda umntu omdala xa esengxakini. Kwakhona, yinto entle ukwenza umbulelo kumntu okuncedileyo, nokuba ngumbulelo ocinga ukuba mncinci kangakanani na.

Leave a Reply