Intsomi yesiXhosa: UDyakalashe noMvolufu beba iigusha

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi.

Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Kwabakho imbalela nendlala kwelo lizwe labo, kwanqaba nokutya, kwaye kungekho nethemba lokuba kungafumaneka. UDyaki wacinga iqhinga lokuba angenza njani na ukugxoth’ indlala. Kuloo ndawo yabo kwakukho nomlungu owayeneegusha eziniiiinzi. Ezi gusha zazilaliswa ebuhlanti ngexesha lasebusuku, ze zivulelwe ngentlazane. Lalingekho ithuba lokuba oodyakalashe bangaziba emini kuba zazisaluswa ngumelusi, kwaye enezinja. Ngabusukwazana buthile udyakalashe wachwechwa elondlalondla oba buhlanti buvalele iigusha. Wabhaqa ikroba angangena ngalo abuye aphume kwangalo. Wakhe wangena wabuya waphuma ezilinganisa ukuba angabinangxaki xa ezokuzizamela into etyiwayo. 

Kusuku olulandelayo waya kundwendwela umvolufu. Wafika ethe khunubembe, ebonakala ekhathazekile. “Hay’bo malume, kutheni ubonakala ngathi awonwabanga nje?” Kubuza udyakalashe. “Wakhe wonwaba phi umntu olambileyo?” Wabuza naye umvolufu. “Hay’, hay’, hay’, hay’, malume. Kusekho umntu okhala ngendlala nentlupheko kule nyhikitya yentlutha engaka? Asiyontlutha, ngumdliva, inyam’ idlal’ abantwana,” utsho ngelidliselayo uDyaki. Waphakama wabuya wachopha umvolufu akuva le nto ithethwa ngudyakalashe. Ngelo xesha wayesel’ elencezisa ulwimi ngokungathi ugqiba kutya. “Sukudlala ngam apha Dyaki. Yintlutha evela phi le uthetha ngayo njengokuba kunqabe nezi zifayo nje izilwanyana?” Ubuzile umvolufu.

“Uyabona phayaaa, ngaphesheya pha? Kukho eza ntlanti zala mlungu uhlala phaya. Ayizogusha phaya zingangoboya benja. Bendiphaya phezolo. Hay’ke ndibuye sendinyalasa kukuhlutha. Ngelo xesha nditye iigusha ezintlanu qha. Nangoku ngaphambi kokuba ndize apha kuwe bendisandul’ ukugqibezela umphako ebendizibekele wona.” Ukhondoze watsho uDyaki. Wayesel’ evuz’ izincwe ngoku umvolufu, engasakwazi nokuzibamba. Bagqiba kwelokuba baza kundwendwela ela khaya ngobo busuku. Kuza kukhala uDyaki, ze umvolufu abe selesazi ukuba makuyiwe.

Lafika ixesha lokuya ezigusheni. Kwaqala kwangena uDyaki ngesa sikroba ebesibonile. Walandela naye umvolufu, wangena kwangaso. Hay’ ke, yeka ke ukuzenzela ezigusheni zomlungu, besitya enye emva kwenye. UDyaki ke wayemana esiya kuphuma ngesa sikroba abuye angene. Wayezama ukuzilinganisa ukuba usakwazi na ukuphuma. Umvolufu yena okokoko ebeguqile, esitya enye emva kwenye, eqengqa izigede.

Uthe akuhlutha uDyaki waya kuphuma ngomngxunya. Xa sel’ ephumile wakhwaza wathi, “Nank’ umvolufu esitya iigusha zomlungu! Nank umvolufu esib’ iigusha zomlungu!’ Uthe xa avula ucango umlungu kunye nomalusi wakhe, bephethe izabhokhwe neentonga, waphel’ emehlweni uDyaki. Nanko umvolufu esiya ekrobeni kuba ezakuphuma ebaleka, nkqi ukuphuma. Waxinga kuloo mngxunya ngenxa yokubhokoxeka, isisu sikhukhumele singaka. Waba ngazama ukuzinyanzela, wasuka waqhubekeka exinga.

Wafika umlungu nomalusi bamfumana, bambamba umvolufu. Abambethanga yehaaaa!

Phela, phela ngantsomi.

Imfundiso: Musa ukuphulukana nobuwena bakho ngenxa yokuswela. Zimisele ukuzilinganisela kuyo yonke into oyenzayo. Sukubaxa izinto, uzakwenzakala!

1 thought on “Intsomi yesiXhosa: UDyakalashe noMvolufu beba iigusha”

Leave a Reply