Kwathi ke kaloku ngantsomi.
Amantombazana elali ethile aphuma eyokuhlamba impahla emlanjeni. Zahlanjwa zabuya zonekwa ematyeni iimpahla ukuze zome. La mantombazana ayezidlalela emanzini nasentlabathini ngeli xesha ayelinde ukuba yome impahla. Kwala xa libantu bahle bacinga ngendlela eya ekhaya. Kaloku babelumkisiwe ngabazali ukuba bangahlali lide litshone ngoba kukho amazim kwela nxweme babeyokuhlamba impahla kulo, kwaye amazim akhona athanda ukubonakala lakutshona ilanga. Batsho besithi baninzi abantu bezi lali zabo abahlaselwa zezi zigebenga xa bathe baya kwela nxweme selitshonile ilanga. Banduluka ke ukugoduka.
Kwale xa bathe tyishi elunxwemeni apho, nantso enye intombazana ikhumbula ukuba ilibele impahla ebiyinxibile yaza yayikhulula ngeli xesha bebedlala. Wacela ukuba bamkhaphe ayokuthatha loo mpahla kuba akakwazi ukugoduka ngaphandle kwayo, angafa ngabazali bakhe. Bathe bakulandula oogxa bakhe, wajika esiya kuphuthuma impahla leyo. Wacela ukuba bangamshiyi, uzakukhawuleza abuye. Babangamnqanda oogxa bakhe suka waqinis’ intamo wabuyela elunxwemeni.
Uthe xa afika emlanjeni, kanye kulaa ndawo ebebeke kuyo isambatho sakhe, kwabe kukho indoda eyoyikekayo iphethe esa sambatho sayo. Wayicela ukuba imnike impahla yakhe. Yathi makeze azokuyithatha, yabe isolula isandla ngokungathi iyamnika. Uthe xa esolula esakhe isandla ukuba eyithatha yamthi xhakamfu engalweni. Wabangabhinyalaza ezama ukuzinamulula kwezi zandla zirhabaxa zale ndoda, suka yamohlula ngamandla. Yamfaka engxoweni yamxwaya emagxeni, yemka naye. Yahamba, yahamba, yahamba imxwayile. Yahamba iphumla kuba umthwalo usinda.
Amanye amantombazana agoduka akubona ukuba ayide ifike le yempahla. Ekufikeni kwawo elalini achaza konke okwenzekileyo. Bakhathazeka abazali bale ntwazana ukuba ingade ibeke ubomi bayo esichengeni ngenxa yempahla. Yaphum’ ingqina ilali imkhangela kodwa kuhlwe kwabonakala ukuba akafumaneki umntwana wabo, kwabe kucaca ukuba ube sisisulu sesigebenga. Bamfuna bamncama kwezo ndawo babecingela ukuba ukuzo. Kwakungeko nomkhondo obonakalisa ukuba bebekhe banyathela phi na. Sasisele sikude kakhulu isigebenga nomthwalo waso. Kuthe xa siphiphiphi sabona umzi mganyana, ecaleni kwendlela. Saya kuwo safika kukho abantu abahlala khona. Sacela ukuphiwa amanzi kuba sasomile lunxano. Ngelishwa ayengekho amanzi ngelo xesha, kodwa sakhonjiswa umfulana ongekude kuyaphi kule ndlu. Bawancoma ukubanda nokuba nencasa kwawo amanzi omthombo okuloo mfula.
Sithe sakuva enconywa incasa, sanxanwa ngakumbi isigebenga. Sacela ukuyishiya ingxowa yaso kodwa sabeka umyalelo ongqingqwa ukuba ingakhe ilinge ivulwe ingxowa leyo. “Ukhe nayivula loo ngxowa nakuyibelek’ ikrwempa. Iyakuniqwenga inonzakalise into endiyivalele kuyo,” sitshilo isigebenga. “Sithembe, angeke sisondele nokusondela engxoweni yomnt’ omdala,” kutsho omnye woomama balo mzi. Sahamba ke isigebenga ukuya kusela emthonjeni emfuleni. Sithe ngeli xesha sisahambileyo yenza isandi intombazana esengxoweni baze baqonda ukuba ngumntu lo ukula ngxowa. Bakhawuleza bayitshintsha ingxowa babeka enye ekwalingana nale yesigebenga, kwaye ifana kwanayo. Emva koko bathi ncwaba, bangcwalisa, kwangathi abakhange benze kwanto.
Sikhawuleze sabuya emfuleni isigebenga. “Anikhange niyivule ingxowa yomnt’ omdala?” Sibuze satsho ngelizwi elikhulu nelingqwabalala. “Yho mnt’ omdala! Singaqala ngaphi kwa ukuyiphatha nje ingxowa yomnt’ omdala?” Utshilo umama walapha. “Hay’ ke nisebenzile. Ukuba beniyivulile bendiyakuqala ngan’ aba. Nizincedile ningayiphathi. Ndiyabulela ngoncedo lwenu,” satsho sithabatha ingxowa yaso sayiphosa egxeni, sagxanya sixhabasha ukuya kusithela enkalweni. Sahamba de sayakufika endlwini yaso. Sithe sisakuphumla ngokwaneleyo sabasa umlilokazi omkhuuulu. Savala iminyango neefestile sisenzel’ ukuba ixhoba laso lingaphumi libaleke.
Sithe xa siyivula ingxowa yaso safunga sathi, “Yeke! Zagagana ebezizondana namhlanje. Ngokuhlwanje ndiza kuba nesidlo sangokuhlwa esimnaaaandi. Emva kwaso ndizakulala ndithi yabalalaaaaa.” Sathi xa sigqiba ukuthetha sabe siyivula ingxowa. Yeka ke ukuphuma kwezinambuzane ezibhabhayo nezirhubuluzayo, zonda ngaye. Kwakuziinyosi, oonomanxezana, izibawu, oonomadudwane, oontulo, ndibala ntoni na. Satakataka, sixhumaxhuma, siphatha kuvuthulula, sirhubuluza, zabe izinambuzane zizenzela kuso. Sasesibhonga oku kweenkunzi zeenkomo zihlaselana.
Ekugqibeleni sacinga ukuba sivule ucango. Luthe lwakuvuleka, yeka ke ukugqotsa ukusinga emlanjeni, kwakungathi asisawunyatheli umhlaba. Safika saziphosa esizibeni, santywila ixesha elide. Sithe xa siphinda sivelisa intloko, zatsho iinyosi, oonomanxezane nezibawu. Saphinda santywila. Yaba seso siphindaphinda de ngelingeni asabinakukwazi ukuphinda sivele. Sarhaxwa ngamanzi, kwaba kukuphela kwaso oko. Emva phaya kulaa mzi usecaleni kwendlela bayibuza imvelaphi intombazana kunye nengcombolo yokuba kwenzeke njani ukuba izibhaqe seyisezandleni zesigebenga.
Yachaza yonke ingxelo. Kwaza kwagqitywa kwelokuba kuqokelelwe amadoda elali ze ayikhaphe igoduke. Bagcwala yimivuyo nemincili abazali bakhe. Kwabhiyozwa nangabahlobo kunye nelali iphela. Bahlinzekwa abo babeyikhaphile intombazana. Baxhelelwa etyetyisiweyo inkabi yenkomo, banikwa nomphako kunye nezipho zokuba bafike banikeze kuloo makhaya enze iinzame zokusindisa umntwana wabo.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Abantwana mabamamele bayigcine imiyalelo nezilumkiso ezenziwa ngabazali babo. Mabakwazi nokwahlula phakathi kwezigqibo zabo ezinokubafaka engozini xa beqwalasela imiyalelo yabazali. Ubukhulu becala abazali banamava obomi nezinto eziqhubeka ebomini.