Kwathi ke kaloku ngantsomi.
Kwakukho imbalela elizweni. Kwatsha imilambo namadama. Kwakusele idama elinye elalisenamanzi, nalo selisitsha. Kwelo dama kwakudla ngokuqubha kulo amadada amabini kunye nofudo. Kuthe kuba kubonakala ukuba amanzi ayaphela kweli dama, amadada agqiba kwelokuba azakuhamba aye apho kungekho mbalela khona. Aluxelela ufudo, lwaza lwakhathazeka ukuva ezi ndaba lathi, “ Ke ngoku mna ndizakusala ndisithini? Sekucacile ukuba ndizakufel’ apha.”
“Kunzima ke fundwazana ngoba ingxaki yakho awukwazi ukubhabha.” Litshilo elinye idada. “Nokuba ndingahamba ngeenyawo ndiza kufika ndifile kuloo ndawo inamanzi. Kaloku andikwazi nokukhawuleza,” watsho ufudwazana ekhathazekile.“Mna ndinalo icebo lokunceda uFudwazana,” litshilo elinye idada.
Lwathi dlandlu ufudo, lugeqezisa nentloko, lavakala lisithi, “Uthi ikhona indlela onokundinceda ngayo? Ndikuve kakuhle okanye ndiyaphazama?” “Ewe, undive kakuhle. Ikhona indlela onokuncedakala ngayo. Kodwa ke inemiqathango engqingqwa ekufuneka uyilandele,” litshilo eli dada. “Yid’ chaze kaloku mntakwethu. Lithini eli cebo ulicingayo?” libuzile elinye idada.
“Nali ke icebo endinalo. Ndicing’ ukuba sithathe ikhuni esizakulibamba ngemilomo thina sobabini. Omnye wethu uzakubamba kwenye incam, ze omnye abambe kwenye. Ufudo ke lona luzakubamba eli khuni ngowalo umlomo apha phakathi kwethu. Sizakubhabha nawe ke Fudwazana side siyokufika kule ndawo inamanzi. Nanku ke umqathango ongqingqwa. Njengokuba sizakube sisemoyeni nje, wena fudo awuwuvuli nakancinane umlomo wakho, de siyokuthi ngxingxilili apho siya khona. Ukhe wawuvula umlomo, kukuphuncuka kwakho oko. Cinga ke oko kuyakwenzeka kuwe xa unokudilika esibhakabhakeni usiya emhlabeni.” Litshilo idada elinecebo.
“Yho, yho, yho! Ndiyalithanda eli cebo lakho,” lutshilo ufudo. “Lihle, kwaye liphilile. Ndiyathembisa ukuba angekhe ndivule kwa mlomo nokuba imeko seyisithini na.
Kwenziwa ngokwezicwangciso. Kwaqinisekiswa kuFudwazana ukuba ulibambe lathi nkqi ikhuni. Uthe akuvuma kwathiwa abambe ke kuba kundulukwa. Kwantingwa noFudwazana, kunqunyulwa amathafa, iinduli, amahlathi nemilambo.
Kuthe xa bephiphiphi kusesemini, bedlula phezu kwelali apho kwakukho abantwana ababezidlalela imidlalo yabo. Kuthe xa la madada edlula phezu kwabo, bawajonga. Bamangaliswa kukubona ufudo olubhabhayo baza balihleka besithi, “Iyeha, umhlola wofudo olubhabhayo! Iyeeeeeha!”
Lacaphuka kanobom ufudo lwathi, “Aba bant…”. Aluzange lube sayigqiba intetho yalo. Lithe xa lithi ‘Aaa’ labe liyakhamisa ngolo hlobo, nto leyo laliyalelwe ukuba lungayenzi. Laphuncuka ekhunini. Yeka ke ukwehla kwalo emoyeni selisenza isimbonono. Laya kuthi pharha phantsi emhlabeni, laqhekeka iqokobhe.
Kwaba kukuphela kwalo oko.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Kubalulekile ukulandela ubambe imiqathango yokwenza izinto ezinokukhokelela engozini xa uthi ungayilandeli. Musa ukuthi uncedwa usuke ufune ukulumka ngaphezu kwaba bantu bakupha uncedo.