Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi.

Kwakukho umfo othile ekwakusithiwa ngu-Alibhabha. Lo mfo wayehlala nomfazi wakhe kunye nabantwana. Babephila ngokuthengisa iinkuni edolophini. Ezi nkuni wayezigawula ehlathini ze azithuthe ngoondlebende bakhe abathathu. Umkhuluwa wakhe yena wazeka umfazi osisityebi, waza naye waba sisityebi ngolo hlobo. Akazange amncede nganto umninawa wakhe ukuze amxhase angahleleleki ekusweleni kwakhe.

Kwathi ngeny’ imini u-Alibhabha eyokutheza ehlathini wabona uthuli lwamahashe lusiza kweli cala akulo. Wakrokrela ukuba ngehle kuthi kanti abo bantu baphalisa loo mahashe ngamasela okanye izigwinta. Wabashiya oondlebende bakhe wakhwela emthini, ezimela. La mahashe ayakumisa kanye phantsi kwalo mthi azimele kuwo. Ehla loo madoda ayekhwele kuloo mahashe. Othula iingxowa ayezikhwelise kuwo, azixwaya emagxeni. Ahintsiza esindwa zezo ngxowa ada ayakufika kumqolomba owawukufuphi.

Athe akufika kulo mqolomba kwadanduluka enye yala madoda eyinkokeli yawo yathi, “Vuleka Sesame!” Kwangoko kwavuleka ucango lwalo mqolomba. Athe akungena lwabuya lwavaleka ucango. Mzuzwana bengenile lwaphinda lwavuleka ucango. Aphuma la madoda engaphethanga nto. Esakube ephume onke yaphinda yakhwaza inkokeli yathi, “Valeka Sesame!” Lwavaleka ucango.

Akhwela emahasheni awo la madoda, awaphalisa emka. Athe esakube ehambile la madoda, selihlile novalo ku-Alibhabha, wehla emthini waya kula mqolomba. Wafika wathi, “Vuleka Sesame!” lwavuleka ucango, wangena. Uthe esakube engene lwavaleka ucango. Luthe xa luphinda luvuleka ucango wathi gqi u-Alibhabha sel’ exwaye iingxowa, esindasindeka. Emva kokuba ephumile wathi, “Valeka Sesame,” lwavaleka ucango. Wakhwelisa ezo ngxowa koondlebende bakhe wagoduka.

Esakube efikile ekhaya bazivula iingxowa. Intoni! Igolide nesilivere nedayimani ezingaka! Lothuka lonke usapho luka-Alibhabha bubutyebi obungaka ababufumeneyo. Uvuyo nochulumanco olwalulapho lolungathethekiyo. U-Alibhabha wabalisela usapho lwakhe ukuba kwenzeke njani ukuze afumane ezi ngxowa. Wabanomona umkhuluwa wakhe. Waqonda ukuba naye uzakuziyela kuloo mqolomba asebenzise la magama awave ngomntakwabo, ze azifumanele ezakhe iingxowa zezi zimbiwa. Wayesel’ ezibona enobutyebi obungaphezulu kobu bomntakwabo nobungaphezu kobu ahleli enabo nenkosikazi yakhe.

Wahamba wada wayakufika emqolombeni. Naye wakhwaza wathi, “Vuleka Sesame!” Lwavuleka kwangoko ucango, wangena, lwabuya lwavaleka ucango. Akazange avuye ngako. Wazidaphela kanobom naye ezingxoweni, kwaye eqinisekisa ukuba uthatha ezingaphezu kunezi bezithathwe ngumninawa wakhe. Kwathi xa kufuneka ephumile, yaqin’ inqawe. Walibala ukuba kufuneka athini ukuze ucango luvuleke ze aphume. Wahlala, wahlala apho engazi ukuba enze njani ngoku ukuze aphume. Imivuyo ngoku yayisel’ iyincidi yekhala, kukubi.

Emva kweentsuku ezimbalwa wabona luvuleka ucango lomqolomba. Kwangena igquba lezixhiphothi zamadoda angamashumi amane. Wazama ukuzimela, kodwa amkhangela amfumana. Amtyakatya ngezinkempe ayeziphethe. Wabe ufela kuloo ndawo engabufumananga obo butyebi abebusukela.

Phela, phela ngantsomi.

Imfundiso: Akulunganga ukuba nomona, kuyingozi kuwe nakubanye abantu, nkqu nosapho lwakho. Isityebamva sinqol’ intaba! Yanela yimeko okuyo kwaye uzimisele ukuphila phantsi kwaloo meko, okanye uziphucule ngendlela efanelekileyo.

Leave a Reply