Kwathi ke kaloku ngantsomi.
Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya kwaninakhulu wahlangana nengcuka eyambuza imvelaphi nalapho asinga khona. Uthe akuyichazela yacela ukuba imphathise umthwalo ukuya kwamakhulu. Wathi ngokoyika ingcuka leyo wacinga ukuba makathi akusekude kwamakhulu, ngoko akusekho sidingo sakukhatshwa nakuphathiswa.
Yamshiya ke ingcuka, kanti ihambe ngandlela zimbi ukuya apho umakhulu ahlala khona. Ithe xa inkqonkqoza yajika ilizwi yalifanisa nelikaNobomvazana. Wavula ke umakhulu ngethemba lokuba uvulela umzukulwana wakhe. Ithe yakungena ingcuka yonda ngaye, yamthi xhakamfu, yaze yamthi bimbilili imginya. Kwangoko yathatha iqhiya kamakhulu yayigungxa, yabe seyisiya kulala emandlalweni kamakhulu. Ithe xa isiva izingqi zikaNobomvazana yaqalisa ukuncwina okomntu ongaphilanga ingcuka. Uthe xa enkqonkqoza yaphendula ngelizwi elirhoxozayo ingcuka izenza umakhulu, imvumela ukuba angene.
Esakube engene wabuza nempilo, wachaza ukuba uthunywe ngunina kuye makhulu. Watsho echaza nokuba unina umphathise umphako kunye namayeza. Kwangoko uye waqhala umphako. Akazange aqaphele ukuba kukho undonakele de wabe unika umakhulu umphako wakhe. “Makhulu, kutheni amehlo akho emakhulu kangaka nje?” Ubuze watsho uNobomvazana. “Ngawokubona wena lo mzukulu,” itsho ngelizwi elirhoxozayo nelikhatshwa yincwina ingcuka.
Uthe xa ephinda eqwalasela wabona ukuba ikho enye into engaqhelekanga apha kumakhulu. “Makhulu, kutheni iindlebe zakho zinkulu kangaka?” Kubuza uNombomvazana. “Zezokuva wena lo,” itshilo ingcuka. Uthe xa ephendula umakhulu wabona esinye isiphene. “Haybo, makhulu! Kutheni namazinyo akho esuke amade kangaka nje?” “Ngawokudla kanye wena lo,” ithe isitsho yabe imtsibela kuba iza kumginya.
Kuthe ngeli xesha uNobomvazana afika kwaninakhulu, kanti umalume wakhe obegawula iinkuni kweli hlathi uyambona. Walandela kuba efuna ukubona umtshana wakhe. Ufike kanye ngeli xesha ingcuka itsibela umtshana. Wayitsho hele ngezembe yayakuthi gilikidi phantsi. Kwaba kukufa kwayo oko.
UNobomvazana wambulela uninalume ngokusindisa ubomi bakhe. Wabuyela kowabo.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Musa ukwaneka izinto zakowenu nezakho kumntu wasemzini, nokuba umthembe kangakanani na okanye umoyika kanganani na. Awuzazi iinjongo zakhe njengokuba ekuncina ngemfihlelo yakho nje.