Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi.

Kwakukho inkawu eyayihlala emthini ngasesizibeni somlambo. Ngaminazan’ ithile yabona kufika ingwenya yema enxwemeni lomlambo. Yabulisa kwinkawu, yachaza nokuba indwendwele kuyo. “Uthini na ngoku ngwenya? Ndikuva kakuhle? Wena uzokubona mna? Azidibani nje ngoku ezi zinto.” Imangele yatsho inkawu. “Kanti ke ndikuphathele iindaba endicinga ukuba uyakuzithanda kwaye uzivuyele nokuzivuyela. Kodwa ke andikunyanzeli ukuba uyamkele le nto ndiza nayo,” itshilo ukuphendula ingwenya. “Xa inokuba yintoni le uza nayo?” Kubuza inkawu. “Njengokuba ndilijikeleza lonke elimiweyo nje, ndidada emilanjeni, ndithi ndingapha, ndibe ndingapha, awunakuyikholelwa into endiyibonileyo. Ndiye ndaqonda ukuba angekhe ndingezi kuwe ndikwazise ngale nyewe,” itshilo ingwenya. “Yid’ uthethe ukuba ufuna ukuthini na kanye kanye. Kungenjalo ndizakukushiya,” kutsho inkawu. “Hayi ke, kukuwe ukuba uhambe ungayivanga into ebaluleke kangakanana. Ungasoli mna xa uphosiwe,” “Kaloku awude uthethe nawe ngwenya. Kanti ufuna ukuthini?” Kutsho inkawu.

“Hayi wena nkawu. Nantsi into endiqond’ ukuba inganomdla kuwe. Ndithe apha ekuhambeni kwam ndabona indawo eeentle ngokumangalisayo. Hayi ke iziqhamo zalapho zizigede ezingaka. Azobhanana zilapha, iipesika, amawalinji, ndibala ntoni na. Okona kuye kwandinika umdla kakhulu ziinkawu zaphaya. Bendiqala ukubona iinkawu ezondleke ngolwa hlobo. Yimihalambela engaka. Ungade ucinge ukuba ziigusha. Sewubona ngamagqajolo emisila neziphongo ukuba ziinkawu. Ndithe xa bendincokola nazo ndazithembisa ukuba kukho inkawu endiyaziyo endinokukhe ndiyimeme izokubona eli lizwe. Ndlela le ezivuye ngayo ezo nkawu, kubengathi awusade uyokufika kuzo. Yiloo nto ke nkawu endithe mandiyandlale kuwe,” itsho imana ukuncumezisa amehlo ingwenya. Kodwa ibibona ukuba inkawu inomdla omkhulu.

“Ke ngoku ucing’ ukuba singaya nini apho?” Kubuza inkawu. “Ubona ndithe mandiziphe ithuba ndidibane nawe nje kukuba ndisendleleni eya khona ngoku, kangangokuba ndinexhala lokuba zizakundibuza wena eza nkawu zela lizwe. Andazi ke ukuba ndakubuya ndilifumane nini na elinye ithuba lokuya kwakhona. Kodwa ndithe mandizokwazisa ngesi simemo ngaphambi kokuba ndinduluke,” itshilo ingwenya. Bagqiba kwelokuba bangahamba kwangoko. Inkawu izakubeleka emqolo wengwenya kuba ingakwazi kudada.

Zithe xa zisembindini wesiziba yathi ingwenya akukho kwaloo nto yelo lizwe, nto nje irhalela isibindi senkawu. Yatsho isithi izakusifumana ke namhlanje. “Hayi ke ngoku ngwenya, bekutheni uz’ ungatsho singekasuki? Kaloku thina zinkawu izibindi zethu zihlala emthini. Nesam nasiya sijinga kulaa mthi ubufike ndithe ngcuu kuwo,” yatsho inkawu. “Ukuba ubutshilo ngendisethule ndakunika. Ndicing’ ukuba masijike siyokusithatha, ukuze ndikunike,” yalekele ngalawo inkawu.

Yajika ke ingwenya yabuyela apho ibifumene inkawu khona. Ithe xa ifika elunxwemeni yee ntancu inkawu yabe seyikhwela emthini isiya emajukujukwini yathi, “Sidengendini sengwenya. Wakhe wasibona phi wena isilwanyana esihamba singenasibindi? Tshotsho, ubucing’ ukuba ulumkile kanti usesiya sisinda ngobulongwe.”

Phela, phela ngantsomi.

Imfundiso: Musa ukuphaphazela de ungakwazi ukuqiqa xa usengxakini. Into edingekayo kukuba ucinge ngokukhawuleza, ungacingi ngengxaki koko ucinge ngezisombululo zengxaki leyo.

Leave a Reply