Kwathi ke kaloku ngantsomi.
Kwakukho isikhukukazi esasinabahlobo abane, ihagu, ikati, inja kunye nempuku. Sasibathanda kakhulu aba bahlobo, kwaye singafuni kwahlukana nabo. Ngaminazan’ ithile sathi sizizulazulela isikhukukazi sabona ikhozo lengqolowa, salichola. Sacinga ukuba sililime eli khozo, kodwa sacinga ukuba sikhe siye kubahlobo baso ukuze basincedise ekulimeni. Besakube behlangene sathi isikhukukazi kubo, “Bahlobo bam, ndichole ikhozo lengqolowa. Ngoku ndicinga ukuba sililime. Ngubani ofuna ukundincedisa ekulimeni?“ Hayi asindim,” yatsho inja. “Nam asindim”, ilandule nekati. “Ingendim torhwana,” yatsho ihagu. “Nam andizukulunga,” itshilo nempuku. Yahamba idanile ke inkuku, yazilimela ikhozo lengqolowa.
Ekuhambeni kwexesha, emva kokuba intshulile ingqolowa, kwafuneka kuhlakuliwe. Yaphinda yababiza abahlobo baso ifuna uncedo. Baphinda balandula abahlobo. Nangoko sazihlakulela isikhukukazi. Laphinda lafika ixesha lokuvuna. Saphinda saya kubahlobo ukuze bancedise ekuvuneni. Nalapho balandula kwakhona abahlobo. Sancama savuna sodwa nangoku isikhukhukazi. Sisakugqiba ukuvuna kwafuneka isiliwe ingqolowa. Balandula nakweli tyeli ukuncedisa abahlobo besikhukukazi. Nasekuxoveni abazange bavume ukuncedisa. Emva kokuxova sabhaka isonka saza samema abahlobo baso ukuba kuzokutyiwa umbhako. Sithe xa sibabona besiza savela satshixa iminyango neefestile. Sahlala phantsi isikhukukazi, sazityela isonka saso. Bakroba ngeefestile abahlobo becela ukuba isikhukukazi sibavulele emnyango bazokuncedisa ekutyeni isonka esimnandi sengqolowa. Bade bacela nokuba singaphosa nokuba ngamaqhekeza ngentunja yomnyango.
Yabangathi asibaboni, singabeva nokubeva. Sawutya sawugqiba loo mbhako isikhukukazi, sakugqiba sosula umlomo sihluthi kamnaaaandi.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Umntu makaxhamle iziphumo zemisebenzi yakhe. Makangafuni ukuba yincukuthu efunxa igazi lomnye umntu.