- Inja ixhaph’ amanzi ngolwimi: Ncekelela de uphumelele kule nto uyenzayo xa ingumnqweno wakho ukuba uyenze. Inja ayiwaseli amanzi koko imana iwalenca ngolwimi. Kukuwaxhapha oko.
- Ithunga lizala ngumphehlulu: Nyamezela uzinge ekufuneni into oyinqwenelayo, ungancami.
- Indlovu ayisindwa ngumboko wayo: Umntu ngamnye ufanele azame ukumelana nokusombulula iingxaki zakhe.
- Akuhlanga lungehliyo: Thuthuzeleka kule ntlungu ukuyo. La mazwi asetyenziswa ukuthuthuzela abantu ababhujelwe lilungu losapho.
Amaqhalo ngomonde nokunyamezela
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso