Njengazo zonke izizwe ezaziwa ngokuba zizizwe zabeNguni, nawo amaXesibe alufumana ulwamvila lokuba akakazwe ngolwimi olukhethwe ngamakoloniyale nabacinezeli. Loo meko seyade yaba nezimvi kuba kaloku kwakwabaqalayo ezikolweni banunuswa ngolwimi lwesiXhosa. Kumaziko olawulo akufunwa limbi ulwimi lwesiNtu kule mimandla yaseMpuma Kapa ngaphandle kwesiXhosa. Kusasetyenziswa uswazi ezikolweni ubuyakulicula elandincamisayo ukhe wangathi uthetha ulwimi olungesosiXhosa. Nawo amaXesibe afukanyiswe kuloo meko, kangangokuba ingaba kukuwadlel’ indlala xa unokuwathela nqa ukuba athi engamaXesibe abe ethetha isiXhosa. Awazenzi, enziwa phantsi kwedyokhwe yengcinezelo.
Kanti nala akwaZulu-Natal amaXesibe agutyungelwa seso sithwakumbe sokukakazwa ngolwimi olungelolwabo, isiZulu. Wambi ke azazi engamaZulu, kangangokuba ungayichamel’ incoko ukuba ungabaxelela ubuzwe bawo.
Kunanamhlanje phofu, nangoku sekusithiwa kulawula umgaqosiseko wamalungelo oluntu, kusekho iindawo ezinje ngokucalulwa ngokweelwimi. Kaloku xa kuthiwa into mayingenziwa endaweni ethile, oko kuthetha ukuba loo nto ayamkelekanga kuloo ndawo. Asikokukhetha oko? Zezitheni ezi zamkelekayo? AmaXesibe analo ulwimi olulolwabo. Ulwimi lwamaXesibe kuthiwa sisiXesibe.
Phantsi kwezi meko sezikhankanyiwe, amakoloniyale nabacinezeli abazange baphumelele ukulubhangisa. Lona luyanqaphazeka ngakumbi kulutsha, nabadala phofu, olukufutshane needolophu. Iindaba ezimnandi, ezibukelekayo nezincomekayo zezokuba amaXesibe aphume amaphulo ebuyisa amasiko awo, ukuquka nolwimi.
Nanga amanye amagama esiXesibe, siwathelekisa nawesiXhosa:
| IsiXesibe | isiXhosa |
| Ukuxela | Ukuthetha |
| Ukuzixela | Ukuzitsho / ukuzithutha / ukuzichaza |
| Ukutshinceka | Ukudikwa / ukwanela |
| Ukukhwitsha | Ukubetha |
| Ukunkwintsha | Ukugebenga |
| Ukudityela | Ukukhwela / Ukuqabela |
| Ukutshutshumba | Ukuba buhlungu |
| Ukutshwenca | Ukuncipha |
| Umbhem | Umfana |
| Iguda | Intombi endala |
| Intrombi | Intombi |
| Nkraz’nyana | Intombazana |
| Ntrusi | Ubisi |
| Ihangu | Ihagu |
| Unojuwana | Ingxowa |
| Ukundrandra | Ukuthanda |
| Ukucunuka | Ukucaphuka |
| Ukufinca | Ukuqwela / ukugqiba |
| Intrashinga | Into ethile / ilantuza / ilantuka |
| Intrelezi | Intelezi |
| Ogwaqa | Omhlophe |
| Ixetsha | Ixesha |
Ibikukurhabulisa nje ukubonisa ukuba amaXesibe analo ulwimi lwawo. Luyabuya ngenxa yokuba amaXesibe ade avula namaziko okubuyel’ eMbo.