Izaci ngobuhlobo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Amathe nolwimi: Abahlobo abevana kakhulu abasoloko bekunye. Izinto ezingahlukaniyo. Umzekelo: Awunakubohlula abo babini, ngamathe nolwimi. 
  • Abantu bayakhothana: Abantu abavanayo, abangabahlobo. 
  • Ukutyhilelana izisu: Ukuba ngabahlobo. 
  • Ukuba senyongweni: Ukuthandwa kakhulu. 
  • Inkom’ edla yodwa: Umntu olilolo, ongafuni kudibana nabany’ abantu. 
  • Umtya nethunga: Abantu abangohlukaniyo. Abahlobo abasoloko bekunye. 
  • Imbumba yamanyama: Ubumbano. 
  • Ukuba nenyama embi: Ukusoloko uchukelwa. Ungacacelwa ngabany’ abantu. 
  • Aziphali ngakuphala kunye: Abevani ngentetha okanye ukwenza. 
  • Ukuba sisikhova: Ukuthanda ukuhlala wedwa. 
  • Amaphuth’ ahlathinye: Abantu abavanayo nabathanda ukwenza izinto kunye okanye ezifanayo. 
  • Ukuchobana iintwala: Abantu abavanayo. 
  • Yincukuthu nentsika: Izinto ezingohlukaniyo, Intsika sesa sibonda, yipali, elapha esizikithini sendlu ngaphakathi, ngakumbi kungquphantsi. Ixhase ukuba uphahla lwendlu lungaweli ngaphakathi. Iincukuthu ke zihlala phaya entungo kwintsika. Kuzakwala kwakucinywa izibane ebusuku zisuke zehle ngale ntsika zisiya kufunxa igazi labo balele kuloo ndlu. Xa kuthi qheke ukusa ziphinda zinyuke kwangale ntsika ukuya kuzifihla phezulu. 
  • Umthi nexolo: Abantu abangohlukaniyo. 
  • Intlaka nexolo: Abantu abangohlukaniyo, abasoloko befumaneka bekunye. 
  • Ameva ayabangulana: Xa ufuna ukwazi ngomntu thumela ofana naye ngesimo nangokuziphatha. 
  • Ukutarhuzis’ ameva: Ukucela uxolo, ngakumbi xa uhlaselwa okanye usohlwaya ngokungenalusini. 
  • Ukokhelana umlilo: Ukwakha ubuhlobo. 
  • Ukuthungelana imililo: Ukwakha ubuhlobo. 
  • Ukulala ngengub’ enye: Ukuba ngabahlobo bokwenene.

Leave a Reply