Iziduko zama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi ngabantu abaneziduko ngeziduko ezahlukeneyo kodwa babe beluhlanga lwamaHlubi okanye isizwe samaHlubi. Umbhali wakudala nowayengumphandi wemvelaphi yesizwe samaHlubi uMnumzana H.M. Ndawo ulenzile igalelo lokudwelisa iziduko zamaHlubi njengoko kubhalwe ngezants’ apha: Dakana,Dinwa,Dladla,Dlamini,Dlomo/Dhlomo (Ingenguye lo unguMadiba),Dongwe,Dontsa,Duma,Gambu,Gatyeni,Hlangebi,Hlatywayo,Jali (Ingenguye lo unguMpemvu),Khambule – Mncube,Khasibe,Khesa,Khumalo,Langa,Lubelo,Ludwala,Mabaso,Maduna,Makhunga,Maphetha,Mashiyi,Masingila,Masoka,Mayaba,Mazibuko,Mbambo,Mbanjwa,Mbongwe,Mdluli,Miya,Mkhwane,Mlandu,Mnguni,Mntambo,Mpangela,Mpila,Msi-Skhosana,Msimanga,Mtungwa,Mvemve,Mvulane,Nala-nzima,Ndaba,Ndana,Ndlangisa,Ndlela,Ndlovu (Ndhlovu),Ndumo,Ngcobo,Nkala,Nkomo,Nkosi,Nkwali (Maphela),Ntambo,Ntethe,Ntlaphu,Phakathi,Radebe (Hadebe),Sibalukhulu,Sibiya,Sithole,Shandu kaNdaba,Shweme,Thuse,Tolo,Tshabalala,Tshabangu,Vundle,Xaba,Xolo (Manci),Zengele (Thiyane),Zondi,Zulu(Radebe) Olu luhlu akusukuba luzichaze zonke iziduko zamaHlubi. Kaloku angangehlabathi yolundi …

Funda okunye

Iziduko zoo Msi-Sikhosana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Sikhosana sikaMusi kaMhlanga,Nontuthwana oshunq’emhlangeni,Izizwe zonke zabikelana,Zathi kuvele uMusi kwaMhlanga.Mabuya nenkomo nomuntu,Nolinda oolinda umkhonto njengentsele,NoVaphi omhlophe,Gwayiba,Magwace,Nina enahlahl’ uLundi lung’enandlela lwaba nezindlela ndlela,Abakwasikhumba sempisi asibethelwa emhlangeni ng’oba izinkomo zizobovuka,Mntungwa kaLanga,Zitya ezintle njeng’ezokubolekwa,Masombuka othuli labo Jali ka Nyandeni,Babeth’ uJali akayi kubusa,Kant’ uyakubusa ng’eqabi lezinkomo,Vuyisa ka Maphanga,Nina abakwa mlom’usemhlwathini,Oomhlang’ awuhlangani,Uhlang’ana mhla wezithebe,Nina abakwasigodo simuka nomfula,S’Musi, Mhlang’a, Mabuya, Novaphi, Gwayiba, …

Funda okunye

Iziduko zama Mpemvu Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

OoJuta,OoJali,OoNtlotshane,OoMlanjana,OoNtam’bomvana,OoNtlithana,Oamaqath’alukhuni akanqatywa nazizinja,Ziwanqaba ngokunyoluka.Oonkomo zakwaMvetshane Enye indlela yokuzithutha koo Mpemvu  Mpemvu,Jali,Juda,Ntlotshane,Nomlomo,Mvetshane,Mgqub’ awupheli kuphel’ iinkomo,Gqongo,Bumela,Ngqawa,Ngciva