Iziduko zama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi ngabantu abaneziduko ngeziduko ezahlukeneyo kodwa babe beluhlanga lwamaHlubi okanye isizwe samaHlubi. Umbhali wakudala nowayengumphandi wemvelaphi yesizwe samaHlubi uMnumzana H.M. Ndawo ulenzile igalelo lokudwelisa iziduko zamaHlubi njengoko kubhalwe ngezants’ apha: Dakana,Dinwa,Dladla,Dlamini,Dlomo/Dhlomo (Ingenguye lo unguMadiba),Dongwe,Dontsa,Duma,Gambu,Gatyeni,Hlangebi,Hlatywayo,Jali (Ingenguye lo unguMpemvu),Khambule – Mncube,Khasibe,Khesa,Khumalo,Langa,Lubelo,Ludwala,Mabaso,Maduna,Makhunga,Maphetha,Mashiyi,Masingila,Masoka,Mayaba,Mazibuko,Mbambo,Mbanjwa,Mbongwe,Mdluli,Miya,Mkhwane,Mlandu,Mnguni,Mntambo,Mpangela,Mpila,Msi-Skhosana,Msimanga,Mtungwa,Mvemve,Mvulane,Nala-nzima,Ndaba,Ndana,Ndlangisa,Ndlela,Ndlovu (Ndhlovu),Ndumo,Ngcobo,Nkala,Nkomo,Nkosi,Nkwali (Maphela),Ntambo,Ntethe,Ntlaphu,Phakathi,Radebe (Hadebe),Sibalukhulu,Sibiya,Sithole,Shandu kaNdaba,Shweme,Thuse,Tolo,Tshabalala,Tshabangu,Vundle,Xaba,Xolo (Manci),Zengele (Thiyane),Zondi,Zulu(Radebe) Olu luhlu akusukuba luzichaze zonke iziduko zamaHlubi. Kaloku angangehlabathi yolundi …

Funda okunye

Iziduko zoo Dontsa Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ngaba kwaDonts’entlanzini,BakwaNombanda kaVezi,Abavun’uNtsele noDlomo,Tshembe,Mntungwa,OoNoDlidlu noSinengelentaba,NoDlabathi,Swahla,UNduku Mkhonto,Bath’ uDontsa akananyong’o kant’ abay’bon’ uba igqunywe ngesibhadlalala somhlehlo Nomafu,Vung’ama phezu komkhonto,Gogotha,Nyathikazi,Maphango,Jiyane,Dada libhul’ amanzi ngempiko,Ndzipho zimnyama ng’enxa yokuqhwaya-qhwayana,Mahlamb’ ehlel’ etyeni,Bambambha bemyeka bethi akanamhlehlo,Kanti ay’ng’omhlehlo yimbambalala

Iziduko zoo Juqu Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

OoJuqu ngamaBhaca.OoMlibathi,OoMatanankosi,ooMaxabanis’abantu belungisa.OoDlantwana,OoJuleka,OoJwarha Enye indlela yokuzithutha koo Juqu Juqu,Tshembe,Dontsa,Tshembe yatsheleza,Dludlunozi dlabathi,Wena nosilenga ntaba,Ntlanzi entle