Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi zikhusele ukufezekiswa kwaloo mcimbi.
Amasiko anje ngendlela yokwakhiwa kwezindlu, ukutya okungundoqo, izinxibo, imidlalo, njalo njalo zonke zizinto ezenziwa kuzo zonke izizwe zesiNtu, kusuke kohluke loo ndawana eqondene nesizwe samaMpondo. Umzekelo; abantu abasebatsha banxiba iibhrukhwe neebhatyi ekuthiwa yimibhleso, abasebuhlanti, ze abasegoqweni banxibe iziketi okanye iilokhwe zemibhleso. Ukwahluka kwezinxibo ngokwezizwe ngokwalo mzekelo wempahla kukuba ezamaXhosa ngumbhaco, hayi imibhleso. Zahlukile izinxibo zoomama kwezamantombazana nalapha emaMpondweni.
Makhe sibalule la alandelayo amasiko, kungasukuba siwadelile la angachazwanga.
- Ukuchazwa, kuxa kusikwa ubuso ngencakuba. Yinto efanayo nale yenziwa ngamaBhaca namanye amaZulu. NgokwesiMpondo enye yeenkolelo zokuchaza kukuba kukhutshwa igazi elimdaka ukuze umntwana akhule engakhathazi. Eli siko lenziwa umntwana eselula. Kodwa liyenziwa naxa selekhulile, ngakumbi xa umntu eligulele.
- Imbeleko, yenzelwa umntwana osandul’ ukuzalwa, isenziwa ngegusha okanye ibhokhwe.
- Umgubho yile kuthiwa yintonjane ngesiXhosa. Intombazana xa ifikelela ebudaleni iyangquzelwa, kuculwe, iyalwe ngoomama. Xa kufika ixesha lokuqukunjelwa kwesiko kuzakuxhelwa ibhokhwe okanye igusha kusuku olungaphambi kosuku lomgubho. Ngosuku lomgubho kuyabhiyozwa kube kuxhelwe inkomo. Iyaxhelwa nebhokhwe, kuxhomekeka emandleni ekhaya elo lenza umcimbi.
- Ngalo mhla womgubho kuzakube kufike izihlobo kunye nabantu belali bezokuzimasa badlulise nezipho abo banako. Kuyaxhentswa ngoomama neentombi. Kuyatyiwa kuselwe nomqombothi, ijiki ngesiMpondo.
- Ukoluka lisiko elenzelwa inkwenkwe ukuyidlulisela ebuntwini obudala. Liwele lomgubho.
- Ukotshwama, kuxa kutyiwa okokuqala kwisivuno salo nyaka ekuqaleni kokwindla. Ngaphambi kokuba kotshwanywe akuvumelekanga ukutya nantoni na evunwe emasimini ibe ilinywe ngalo nyaka, ingakumbi ngabantu abangamadoda. Kuye kuvunwe kwizinto ngezinto, umbona, amathanga, imifino. Kudityanwa komkhulu okanye kwasibonda kutyiwe intsizi, umgubo wamayeza, ngaphambi kokungcamla kwisivuno esitsha.
- Umjadu, yile nto kuthiwa luduli ngesiXhosa. Xa intombi yendile yalotyolwa ngokwanelisayo yenzelwa umjadu, apho iye ikhatshwe isiwe emzini wayo kuthwelwe impahla yayo ezoyisebenzisa emzini, izinto ezifana neengceke, izithebe amakhukho, amabhakethe njalo njalo. Enye impahla ephathiswa yona yeyokubekela, ukunikela ngezipho, abantu ababalulekilyo kwelo khaya. Kuye kufuneke ukuba loo mpahla ibulelwe ngokuxhela inkomo, kuselwe umqombothi kuxhentswe. Oko kukuthi uduli lusindlekwa ngokuxhela inkomo, kungongezwa nangeegusha, kubekho nezipheko. Kaloku nabantu belali bazimasile.
- Ukutshaza, ngutsiki ngesiXhosa. Xa umakoti omtsha efika ekhaya, sekuvunyelenwe ngekhazi wakhululwa ngabakowabo ukuba azokuhlala emzini wakhe, uye atshazelwe. Oko kukuthi enzelwe utsiki ngokwesiXhosa. Lo mcimbi wenzelwa ukumazisa kwizinyanya zomzi wakhe njengelungu elipheleleyo losapho. Kuye kuxhelwe ibhokhwe okanye igusha aze agalelwe ngenyongo yayo.
- Umombulo, ngumcimbi owenziwa xa umfazi eswelekelwe yindoda. Uye azile unyaka ubemnye. Emva konyaka uye “ombulwe”, oko kukuthi akhululwe, kutshintshwe impahla yokuzila ze anxityiswe impahla entsha athengelwe yona. Kuyaxhelwa, kusilwe kubhiyozwe ngaloo mini. Xa sele enzilwe lo mcimbi angaqhubeka nobomi bakhe njengesiqhelo.
Ibhokhwe iyenziwa ngamampondo?
Molo Zim, Nceda ulandele le linki ingolwazi oluphangaleleyo ngamasiko AmaMpondo: https://iafrika.org/xh/amasiko-ama-mpondo/