Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo.
AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli kwaye ingaliguquli isiko. Umzekelo, xa kusenziwa isiko lembeleko kuphekwa ngeembiza ezenzikwe kwamLungu kubuye kuphakelwe ezipleytini ezenziwe eTshayina. Loo nto ayibuguquli ubume besiko lembeleko, koko zizinto ezisetyenziswayo ekulenzeni eziye zafakelelwa.
Ukunqula lisiko lokuqala neliphambili kuso nasiphi na isizwe. AmaXesibe kwasekusekweni kwawo, asekwa phantsi kokunqula uMdali, ecelwa, ebongwa, engxengxezelwa ukona, njalo njalo. Kunanamhla oku uMdali usanqulwa. Into ejikileyo kukuba kuthiwe makabizwe ngelinye igama lengqobhoko ekuthiwa nguThixo. Apha emaXesibeni kuthiwa elo gama lafika noNkosi Mahlasela Fikeni ngo-1860 elithatha kwinkonzo yamaWesile eShawbery. Kwaba kukungena kobuKrestu kumaXesibe asemaXesibeni oko.
Inyosi sisilwanyana sesinqulo samaXesibe. Kukholelwa ekubeni inyosi yiyo edlulisela izinqulo kwizinyanya, ze zona zidlulisele kuMdali. Nakubeni kukho le nkolo intsha nje kusakholelwa kwabakwelemimoya bekhaya. Nokuba sithi zizinyanya okanye amanyange, ngabantu bekhaya abakwelemimoya ekunenkolelo yokuba banamandla okubona okungabonwayo liliso lenyama, kwaye benako ukwenza imisebenzi engaphezu kwale bebesakuyenza ngela lixa bebesenyameni. Aba bantu banako ukuxhasa imicimbi eyenziwayo ekhayeni, kanti ke bakwanako nokukhomba indlela kwizinto ekumele ukuba zenziwe likhaya. Kwabanye bavela emaphupheni, ekubeni kwabanye bavela ngezimbo ezithi zikhokelele ekubeni kwenziwe umcimbi likhaya ukuze ezo zimbo zinyamalale.
Imbeleko yenzelwa usana olusandul’ ukuvela ukuze lufumane ingubo yokulibeleka. Kwangeli xesha lengubo kukwaziswa umntwana kubantu bekhaya, abaphilayo kunye nabo bakwelemimoya. Kuyenzeka ke ukuba ikhaya lingabi nandlela yakuyenza imbeleko ngeli lixa usana lusandul’ ukuvela. Kwimeko enjalo eli siko lenziwa naxa umntu sel’ ekhulile. Mhlawumbi imeko enje yenziwa nakukuba ngenxa yempucuko eyeza nabeLungu, iimbeleko sezithengwa. Kodwa ezo zithengwayo azihambi nesiko lokwazisa umntwana.
Ukuchaza kukwenziwa kwamanxeba angekho nzulu ngencakuba apha ebusweni. Ziyahluka ke izizathu zokwenziwa oko, kodwa zonke zikhokelela ekunqwenelelweni impilo entle, engenaziphazamiso. Asingawo onke amaXesibe achazwayo, kwaye eli siko selithanda ukufiphala nakwabo babesakulenza. Lawo ayenzayo adla ngokuthi kukudabula.
Intonjane, okanye umhlonyane, yenzelwa intombazana, okanye inkrazinyana, xa ifike exesheni. Kulapho izakufundiswa ngemicimbi yesini nangobudlelwane nababhem. Ezo zifundo zenziwa ngoomama ngela xesha isemhlonyaneni, ze kuthi xa ingumgidi iyalwe. Ngoku le nkrazinyana seyizakwaziwa njengentrombi.
Ulwaluko lwenziwa emakhwenkweni xa edluliselwa kwisigaba sokuba ngumfana okanye sobudoda. Inkwenkwe eyalusiweyo ihlala ixesha elithile esuthwini. Ngelo xesha ayiseyiyo inkwenkwe, koko ingumkhwetha. Umkhwetha ifundiswa imicimbi emininzi yokuziphatha njengendoda. Xa sele ephumile kuthiwa likrwala, ze emva kwexesha elingelide sele ingumfana.
Ukutshata okanye ukuzeka okuhamba nokutshatwa okanye ukuzekwa asilosiko, koko sisigaba sokukhula esilandela intonjane nolwaluko. NgokwesiNtu jikelele, nangokwesiXesibe ayikho inkqubo yokuba kuzekwe intombazana. Umfana uzeka intombi, hayi intombazana. Nalapha emaXesibeni liyenziwa isiko lokwamkelwa kukamakoti ekhayeni lomfana, le nto amaXhosa athi ngutsiki, amaBomvana athi kukudlisa amasi, ze amaHlubi athi kukudlisa umakoti. Ziyenziwa zonke izithethe ezihambelana neli siko lokwazisa nokwamkela umakoti.
Maninzi ke namanye amasiko afanayo okanye ayeleleneyo nawenziwa zezinye izizwe zaseMbo okanye zesiNtu jikelele, ngakumbi apha eMzantsi Afrika. Umzekelo, singathetha ngokuzila xa kubhujiwe, iinkolelo ngemicimbi ethile, ookuqinisa imizi kunye nezinye izithethe.
Isinxibo samaXesibe
Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, amaXesibe nawo ayesakunxiba impahla eyenziwe ngezikhumba zezilwanyana, ezasendle nezasekhaya. Loo meko yaguquka ukufika kwamaKoloniyale kunye nabavangeli beLizwi, ekuthiwa ngamamishinari. Bathe xa bevakalisa ezi ndaba zobuKrestu babe kwelinye icala benyengeza izinxibo zomqhaphu. Abo babengaguquki babetyatyekwa ibala lokuba kuthiwe bangabantu ababomvu ze abaluvumayo ukholo lobuKrestu kwathiwa ngamagqobhoka. Kanti ke, kwa aba babomvu kwakusithiwa ngabahedeni kuba inkolo yabo yayingeyiyo eyobuKrestu, koko ayenqula abantu abafileyo, izinyanya.
Kunamhlanje nje amaXesibe anezinxibo ezahlukeneyo ngokwemisebenzi kunye neenjongo ezinxityelwa zona. Ezi seyizizinxibo zomqhaphu, okanye ilaphu, ezathatha indawo yezikhumba zezilwanyana. Nokuba ziyasetyenziswa izikhumba ngoku, sezisukwa ngemitshini ze zivelise iintlobo ngeentlobo zezinxibo.



