Imvelaphi yamaXesibe
AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba wona angamaBhaca.
Amanye amaXesibe azilanda ngeZululand okanye nge kwaZulu xa elanda imbali yawo. Wambi ade athi aphuma eKwaZulu-Natal. Ayichananga loo mbali. Okokuqala ikwaZulu ibekho ngexesha lokulawula kukaTshaka. Nguye owathiya isizwe ukuba ngamaZulu. Ngaphambi koko, okanye ngexesha likayise uSenzangakhona, isizwe sasingengomaZulu, kwaye yayingekho iZululand. Kwakhona eli gama lithi Natal lathiywa nguVasco da Gama ngo 1497. Kwakuse kukudala ookhokho bamaXesibe bafikayo eMzantsi Afrika. IkwaZulu Natal yona yimveku ezalwa izol’ oku emva ko 1994. Ingade ivakale eyokuba kuthiwe amaXesibe ayevela kule ndawo kwaye kwathiwa yiNatal, hayi ikwaZulu.
Lilonke amaXesibe awasiso nasiphi na isizwe kwezi anamatheliswa nazo. AmaXesibe ngamaXesibe, awasiso esinye isizwe.
Umnombo wamaXesibe nawo utsalwa kookhokho bookhokho abasuka kuMntla-Mpuma wezwekazi le-Afrika. Nawo alingena eli loMzantsi Afrika ngeentaba zeLebombo ukuya kufikela kumazantsi eeNtaba Zokhahlamba. Kungoko nawo amaXesibe ebalelwa kwezi zizwe zaseMbo.
Njengezinye zezizwe zaseMpuma Kapa nawo amaXesibe afunyenwe yingxaki yokuba imbali yawo inqongophale ekushicilelweni. Njengokuba siphila kwixesha le-elektroni nje, akukho lula ukufumana imbali yamaXesibe. Naleyo ifumanekayo ayiphangalelanga. Singatsho ukuthi ulwamvila lefuthe lengcinezelo lisatyhutyha egazini ngoba ngaloo maxesha wawungenakuphikisana nezigqibo zabaphathi xa besithi uyinto ethile, ube uzazi ukuba awuyiyo. Kodwa kwakudingeka ukuba unqwale kwaye uginye nokuba kuyakrakra kuba kusitsho bona ukuba uyiyo.
Izizukulwana zale nkulungwane zityhola iinkulungwane zangaphambili ngokungabhali phantsi imbali yezizwe zazo. Kodwa unangoku sekwabakho impucuko yokubhala akukasukwa emgceni. Kuzakuthiwa yintoni ingxaki ngoku? Izizukulwana ezizayo zizakusityhola, mhlawumbi, ngokungakhathali okanye ukuba ngamavila voco.
Iikumkani zamaXesibe
Nantsi itafile ebonisa umnombo weekumkani zamaXesibe:


Lunjalo uluhlu lweekumkani zamaXesibe nakubeni kwalapha emaXesibeni kusithiwa ziinkosi.
UKumkanikazi Nonyaniso yinkosikazi kaKumkani Jongintaba owaye wathomalala unyana wakhe eselula ukuba angabekwa esihlalweni. Ngoko ke ukumkanikazi ebelibambela lonyana wakhe. Naye ukumkanikazi uye wathomalala ngomnyaka ka2021. Ukubhalwa kweli nqaku belingekafumaneki igama lekumkani yamaXesibe esesihlalweni.
UNkosi yikumkani ekhunjulwayo kwezo zingumnombo wamaXesibe, amaMpondo namaMpondomise. Loo nto ayithethi ukuba nguye owakhokela ezi zizwe ukusuka eMntla-Mpuma we-Afrika.
Xa sijonga kwakule tafilana ingentla siyakubona ukuba uXesibe uzalwa kunye noMpondo kwakunye noMpondomise. UMpondomise noMpondo ngamawele kaNjanya, ze uXesibe yena abe yimfusi yala mawele. Ifumaneka ngolo hlobo imbali kumaXesibe nakumaMpondo namaMpondomise. Eyokuba uXesibe ngunyana wendlu yasekunene kaNjanya yimbali ebaliswa kakhulu ngabantu abangengabo aba bakhankanyiweyo. Phofu ke nabo abagxekwa ngoba imbali eyayibaliswa ngomlomo inaloo makhwiniba okungachani.
Imimandla yamaXesibe
Njengazo zonke izizwe zalapha eMzantsi Afrika, nawo amaXesibe akho kulo lonke elaseMzantsi kwaye enelungelo lokubakho naphi na apho athanda nafuna ukubakho khona.
Noxa kunjalo nawo achaphazeleka ziziganeko zamakoloniyale kwakunye norhulumente wengcinezelo apho abaNtsundu babedudulelwa ndaweni ithile ekwakubonwa ukuba yeyona ibafaneleyo kwilizwe labo. Kungoko ufumanisa ukuba uninzi lwamaXesibe afumaneka emaninzi kwindawo enye phaya phesheya komlambo uMzimvubu xa usuka kwicala lakwaBhaca.
AmaXesibe akhe phantsi kwentaba yeNunge. Kule mihla kuthiwa yintaba yeNtsizwa. Eli gama ilithatha ekubeni kusithiwa kulapho amaXesibe oyisa imikhosi kaTshaka ngexesha leMfecane. Umhlaba wamaXesibe ungqongwe ngamaBhaca, amaMpondo, kunye namaGrikwa. Lo mhlaba kuthiwa kuseMaXesibeni. Elo ligama ledolophu elatshintshwa lisuka kwelith Mount Ayliff.
Apha ngezantsi kuboniswa imaphu ekhomba ummandla wamaXesibe kwinkulungwane yeshumi elinethoba (nineteenth century).

Kuyadingeka ukuba abaphandi nababhali bembali bakhe bayichophele le ndawo yeMfecane. Isiganeko esatshutshumbisa isizwe esimnyama yiZwekufa eyenziwa ngamaNgesi namaPhuthukezi kwizizwe sabaMbo. Kwabona abeLungu bayatsho ukuba akukho kwanto kuthiwa yiMfecane, koko yayiyindlela yabo yokuhlasela ukuze badudule ezo zizwe ze bafumane imihlaba. Kungako namaXesibe ade azakugxumeka iintente kule ndawo kuthiwa kusemaXesibeni.
What about MPAHLO kaNxele Ka Ntozabantu kaXesibe?
Bhota Sthembiso, ndizakucela umphandi wethu abhale ngoku. Enkosi kakhulu.