Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba …

Funda okunye

Iziduko zama Xesibe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nazi iziduko zamaXesibe kolu luhlu lulandelayo. Asizukuzithutha okanye asizukuzibonga ngoba oko kwenziwe kwelinye ikhasi kweli qonga lithi www.iafrika.org/xh. Kulapho uyakufumana nezinye izibongo zeziduko zezinye izizwe zaseMpuma Kapa: Bhuku,Blwangwe,Khuma,Ndlovana,Nondzaba,Noni,Ntsaka,Nune,Nxotsa,Sidindi,Sinama