Izaci ngomlinganiselo nokubaxa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Idlal’ abantwana: Ininzi. 
  • Ikhiwa ngezitya: Into eninzi. 
  • Ukusel’ amanzi ngeselwa: Ukubaxa izinto. 
  • Ingangoboya benja: Into eninzi engenakubaleka ngenxa yobuninzi bayo. 
  • Inkungu nelanga: Abantu abaninzi. 
  • UMbo nomXesibe: Abantu abaninzi. AbaMbo ngabantu ekuthiwa basuka eMbo. Kukho iimbali ezahlukeneyo ngokuba kuphi kanye eMbo. Bambi bathi iMbo ligama lentaba ethile apho kwakuvela khona iintlanga ezithile zaza zazokuma apha eMzantsi Afrika. Abanye bathi imbo lilitye elinqabileyo nelinexabiso elafunyanwa luhlanga oluthile kwaye kusananiswa ngalo, kanti ke kukho nabathi eli gama lithi Mbo okanye eMbo sisishunqulelo segama lentaba iLubombo phaya kula mmandla kuthiwa kuseSwatini ngoku. AbaMbo ke ngamaHlubi, amaSwati, amaNdebele, ikhona ke nenye imbali evelayo ethi amaMpondo, amaMpondomise namaXesibe nabo basuka eMbo. Ngokwembali uXesibe yimfusi kaMpondo noMpondomise. Kuvakala ukuba ngeli xesha uMpondo noMpondomise balwayo, uXesibe waya wazibandakanya nabanye abaMbo, ngakumbi amaHlubi. Loo nto yenza ukuba indibanisela yezi zizwe zimbini yakhokelela ukuba kubekho abantu abaninzi abancedisanayo ekubukuleni iintshaba. 
  • Ingangeenwele zentloko: Into eninzi. 
  • Asiyondlwan’ iyanetha: Asiyonto emayithathwe lula. 
  • Ngangeentwala kubaThembu: Into eninzi. 
  • Ingangengca: Ininzi. 
  • Emalandalahle: Kude.

Leave a Reply