Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaMpondo

AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona.

Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise namaMpondo kunye nezinye izizwe ezihlala apha eMpuma Kapa ngelithi zingamaXhosa.

AmaMpondo awangomaXhosa, awayonxalenye yamaXhosa, zange abe ngamaXhosa, awasosizwana esiphantsi kwamaXhosa, kwaye awalawulwa ngamaXhosa ngokobukhosi.

Into edibanisa amaMpondo namaXhosa yingingqi ezifumaneka kuyo ezi zizwe zimbini, kwangokufanayo nezizwe ezinje ngamaMpondomisa, amaBhaca, amaHlubi, amaXesibe, abaThembu kunye namaBomvana. Isizwe ngasinye kwezi zizwe sisisizwe esizimeleyo, ntonje zonke zinemimandla yazo apha eMpuma Kapa. Loo nto ayithethi ukuba amaMpondo awanabuhlobo nezi zizwe xa zizonke, okanye ezi zizwe azinabuhlobo namaMpondo. Ntonje apha sithetha umcimbi wobuzwe, hayi indlela ezihlalisana ngayo ezi zizwe.

Njengazo zonke izizwe zaseMzantsi Afrika, nawo amaMpondo ingcambu yawo ayikhomba kuMntla–Mpuma welizwekazi i-Afrika. Nawo umnombo wawo awuqalisa kulowo ukhumbuleka kwabo bathe bakwazi ukuwubhala phantsi. Ngapha koko imbali yomlibo wamaMpondo ayehlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsundu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo yayisakuba yimbali yokubaliswa ngomlomo ukusuka kwizizukulwana zangaphambili ukuya kwezilandelayo. Loo meko ichatshazelwa kukukhumbula, ukulibala kunye nokuphixanisa ulwazi kwakunye neziganeko. Loo ntwanana ibhaliweyo efumanekayo iqikelela ukuba amaMpondo afike apha eMzantsi kwinkulungwane yeshumi elinesithathu. Kuqikelelwa phaya kumnyaka wee1225.

Nawo amaMpondo abalelwa kwezi zizwe kuthiwa zizizwe zaseMbo. Nawo angene eMzantsi Afrika ngeentaba zeLibombo.

Iinkumkani zamaMpondo

AmaMpondo, amaMpondomise kunye namaXesibe alanda umlibo wabo kukumkani omnye ukuya kutsho kuyise wezi zizwe zontathu. Okanye singathi kwaba bantu bathathu, kuba la magama ngamagama abantu ze mva umntu ngamnye kubo wamisela isizwe esibizwe ngegama lakhe.

Singayisungula ngolu hlobo ingcambu yazo:

Imbali malunga namaMpondo kunye namaMpondomise yeyokuba uMpondo noMpondomise yayingoonyana bakaNjanya kaSibiside. Babengamawele, ivelatanci inguMpondomise. Imfusi yawo yayinguXesibe.

Sikhumbule ukuba kuvamile ukubakho kwempikiswano malunga nevelatanci xa kuphethwe umcimbi wamawele. Abalandela elithile iwele bathi lilo elidala. Kungoko kule meko yamaMpondo abanye bathi yayinguMpondo ivelatanci.

Nikhumbule kwakhona ukuba kudla ngokubakho impikiswano yokuba elo liqale lavela iwele lelona lincinci kunelinye. Kungoko kwezinye izizwe kwabakho umthetho wokuba lisikwe ingqithi elithe laqala lavelisa isandla iwele. Oko yayikukuphawula ukuba leliphi eliqale lavela. Kwakukho inkolelo yokuba elivele tance livelisa nje isandla libuye lityhalelwe emva leli lamva, ze ibelilo eliqala libelekwe. Le ngcinga isenokuba izalwa lelaa bali le “Ityala lamawele” umbhali walo onguS.E.K. Mqhayi.

Kule ndima kaMpondo noMpondomise kuvakala ukuba kwavuka impi phakathi kwala mawele kunye nabalandeli bawo. Kuthiwa le mpi yadalwa yinto yokuba uMpondo nabazingeli ababekunye naye babulala ingonyama waza wala ukunika uMpondomise ufele lwayo ngokomthetho wesiko lamaMpondo nelobukhosi jikelele. Loo mpi yakhokelela ekoyisweni kukaMpondomise ze waya kuzimela kowakhe umhlaba. Ingxelo ithi imikhosi kaMpondo yayimane izingela ekaMpondomise. Kuthiwa indawo yokugqibela ababadudula kuyo yile kuthiwa kuseMpindweni. Loo nto ke yenza ukuba umda wamaMpondo uyokuma ngelali yaseMpindweni, kwisithili saseLIbode.

Omnye umba ngulo wobukho bamaMpondo aseQaukeni nawaseNyandeni. Nayo inendawo yokubangwa kobukhulu nobunci phakathi koonyana bakaFaku, uNdamase noMqikela. Ikomkhulu lamaMpondo belifudula liseQaukeni phantsi kukaFaku, owayengukumkani wokugqibela wamaMpondo ngaphambi kokuba ohlukane kubini. Singayanga kude nje singathi ubukho bala makokmkhulu mabini kwenzeke esaphila uFaku, kwaye kwenzeka ngemvume nentsikelelo yakhe.

Kwaba kukusekeka kobukumkani obubini bamaMpondo, awaseQaukeni, okomkhulu lawo luseSiphaqeni nawaseNyandeni, okomkhulu lawo liseLibode. AwaseQaukeni abaphantsi kukaMqikela, ze awaseNyandeni aphantsi kukaNdamase.

Busahlulwe njalo de kube namhlanje ubukumkani bamaMpondo.

Umhlaba wamaMpondo

Indawo yamaMpondo kuthiwa kusemaMpondweni. Ngaphambi kokuba sithethe ngale ndawo kuthiwa kusemaMpondweni, masiyigxininise indawo yokuba amaMpondo akho kuwo onke amaphondo aseMzantsi Afrika. Noko kunjalo ikhona indawo ekuthiwa yeyamaMpondo kwalapha eMzantsi Afrika.

Le ndawo ilapha kwiphondo leMpuma Kapa. AmaMpondo afumaneka kwezi ziphaluka zilandelayo: Mbizana, Siphaqeni, Lusikisiki, Sajonisi, Ntabankulu, Libode naseNgqeleni. Xa sithetha ngeziphaluka sithetha ngokuba le dolophu ibiziweyo, umzekelo iSajonisi, ineelali ezinizi eziphantsi kwaloo dolophu. Asizukuzidwelisa ezo lali. Makwanele ukuchaza ukuba zikhona kwaye zininzi iilali kuba ukuba singazama ukuzidwelisa kungangathi siyakhetha xa kunokubakho esizishiyayo ngakumbi ngoku sezandayo, kukho nezo zinamagama amatsha ezazifudula zingekho.

Leave a Reply