Unqulo lwabaThembu
Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.
Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.
Kuthe kwakufika abeLungu, ngakumbi abangamamishinari, lwabangiswa unqulo lwabaThembu ngelithi lelobuhedeni. Olona lululo lolu luza nabo, beluvakalisa ngeBhayibhile. Zenziwe iinzame zokuphelisa neli gama lithi Qamata, kuba elamkelekileyo leli lithi Thixo okanye Yehova.
Nakubeni kwakukho ukuxhathisa ekuqaleni, kodwa kuye kwacaca ukuba ifuthe lenguquko linamandla ngaphezu kweli lokubhebhetha. Kunamhlanje nje malunga nabo bonke abaThembu kuyo yonke imiza yabo bazifumbethe zombini. Eyokuqaphela imilowo yekhaya kwaneyobuKrestu.
Isinxibo sabaThembu
Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, abaThembu nabo babesakunxiba impahla eyenziwe ngeemfele, okanye amafele, zezilwanyana. Kukwangokukwanjalo nangezambatho, nazo zazisakwenziwa ngezikhumba. Iingubo bezisenziwa ngeemfele zezilwanyana ezinkulu njengeenkomo.
Kwakhona, abantu bebeqaba imbola ebusweni ukuzikhusela kwimitha yelanga. Maxa wambi ke bekuqatywa nomthombothi kwangaloo njongo inye.
Ukufika kwenkolo yasemLungwini akuzisanga nguqu kwinkolo kuphela, koko kuye kwanyazeliswa ukuba abo bayamkelayo loo nkolo banxibe impahla yomqhaphu okanye yelaphi endaweni yokunxiba izikhumba. Loo mpahla babeyiphiwa felefele. Kwakhona kwanyanzeliswa ukuba bayeke ukuqaba imbola. Le meko yenza ukuba kubekho umsantsa phakathi kwabantu besizwe. Aba bembola kwathiwa ngamaqaba, ze abamkele ubuKrestu kwathiwa ngamagqobhoka.
Ekuhambeni kweminyaka kuye kwathi gqi ilaphi ekuthiwa ngumbhaco ekuthiwe lelesinxibo sabaThembu. Kungoku nje luhlobo lwesinxibo sabaThembu. Imibhaco le inxitywa njengehombo kwakunye nokuhlonela imicimbi yamasiko. Oomama bebethwala iiqhiya ezinkulu. Loo nto yenze ukuba abaThembu jikelele baziphe igama lesiteketiso elithi bangooqhiya.
Amanye amasiko abaThembu
Imbeleko lisiko elenzelwa imveku emva kweentsuku ezisibhozo izelwe. Lisiko lokuqala ukwenzelwa umntu wekhaya. AbaThembu imbeleko bayenza ngebhokhwe. Phofu ke onke amasiko bawenza ngebhokhwe, ngaphandle ke kwalawo adinga ukwenziwa ngokuxhela inkomo. Xa kusenziwa imbeleko kudingwa ifele lebhokhwe leyo elizakuthi lisukwe ngumakhulu wekhaya esenzela ukuba kubelekwe ngalo usana olo. Phofu ke naxa lulele londlalelwa kwangeli fele. Imbeleko yenzelwa ukwamkela olu sana phakathi kwekhaya kwanokubulela ukuba umntwana ebelekwe ngaphandle kwamagingxigingxi kumntwana nonina. Kukwaziswa olu sana kubantu bekhaya, abaphilayo nabangasekhoyo.
Intonjane lisiko lesibini emva kwembeleko elenziwa kumntwana oyintombazana ukumdlulisela kwisigaba sobuntombazana ukuya kwesobuntombi. Esi sigaba silawulwa yindalo yokuba intombazana le ifike exesheni. Intonjane ayenziwa intombazana ingekafiki exesheni. Emakhwenkweni isiko elilandela imbeleko lisiko lolwaluko elidlulisela inkwenkwe ukusuka ebukhwenkweni ukuya ebudodeni. Njengoko intombazana ihlala ixesha elingangenyanga ejakeni xa ithombile, nomkhwetha uhlala kwa ixesha elingangelo esuthwini xa olukile. Kodwa mandulo babehlala neenyanga ezintathu.
Isigaba sokukhula esilandela ezi zimbini sesokutshata nokutshatwa. Ngokwesithethe sabaThembu ngumfana ovumelekileyo ukuba angatshata, ibe yintombi evumelekileyo ukuba ingatshatwa. Loo nto ithetha ukuba akwamkelekanga ngokwesiko labaThembu ukuba inkwenkwe ingatshata. Intombi etshatwe ngumfana kufuneka yamkelwe njengelungu losapho apha ekhayeni, ze ithiywe igama lalapha kweli khaya. Ukwamkelwa komakoti kukuba atyiswe utsiki. Ngalo mhla atyiswa ngawo utsiki uzakusele ethiywa igama leli khaya. Abantu abanelungelo lokuthiya umakoti ngumazala okanye omnye woodadoboyise bomyeni. Umazala ke nguye nabani na umama wale ndlu yakulomyeni.
Imele kuhlala ezingqondweni zabantu ukuba ukwenziwa kukatsiki kwamkelwa njengomtshato osemthethweni. Xa umfazi elotyolwe waza wenzelwa notsiki ungumfazi osemthethweni. Unawo onke amalungelo ngokufana nalo kuthiwa ngumfazi wephepha. Kodwa ke ngokwesiNtu nokuba umfana nentombi batshatele enkundleni yomthetho uyenziwa nomtshato wesiNtu ongutsiki. Kanti ke nokuba baqale ngotsiki kwamkelekile nokuba batshate nasenkundleni yomthetho. Akulotyala ukuzenza zombini. Kodwa umakoti akadli ngokamkelwa nayilali xa angenzelwanga tsiki.
Ingqithi, yenye into eyenziwa ngabaThembu. Ingqithi kukususwa kwelungu lokugqibela emnweni, ngakumbi ucikicane, nakubeni abanye beyenza kulo mnwe usecaleni koCikicane ekuthiwa nguNondwayiza kwezinye iindawo. Abanye bathi nguNhinhi. Imbali ithi isithethe sokwenziwa kwengqithi seza nabaya baThembu babephila nabaThwa kula mhlaba waseTsomo. Kuthiwa yayilisiko labaya baThwa ukwenza ingqithi. Ayikho ke imbali echaza ukuba kwathini ze naba baThembu zebenze laa nto yayisenziwa ngabaThwa. Ayikho nechaza ukuba abo baThwa bona babeyenzelani.
Kodwa singatsho ukuba asingabo bonke abaThembu abenza ingqithi. Abo bayenzayo banenkolelo yokuba xa beyenzile bayakhuseleka kwimimoya emibi echaphazela impilo yabo. Ngokwesiko labaThembu, namanye amaXhosa, ingqithi yenziwa umntwana eseyimveku. Kodwa xa iphosakele ngelo xesha ze umntwana agule okanye enze imikhuba angamelanga kuyenza kweso sigaba sokukhula kwakhe nokuba sel’ emdala, mhlawumbi amanzise umandlalo xa elele, udla ngokuwuyeka loo mkhuba xa athe wenziwa ingqithi.
Xa kusenziwa ingqithi umnwe womntwana lowo ubotshelelwa ngentsontela uqiniswe. Ngelo xesha ubuso bakhe buzakube bugqunyiwe. Utata othile wesi siduko usebenzisa imela ebukhali asike kwilungu lokugqibela likacikicane okanye lo mnwe womsesane. Kuxhomekeka ukuba loo ndlu yeso siduko iyenza kowuphi na umnwe. Lo mntu wenza ingqithi kumele ukuba ibengumntu okhawulezisayo ukwenza lo mcimbi. Emva koku isilonda singcitywa ngodaka olwenziwe ngomhlaba othathwa kwingqumba yomhlaba eyenziwa yintuku okanye siqatywa ngobulongwe.
Awakhankanywanga onke ke amasiko abaThembu. Apha ibikukubonisa nje lawo ambalwa.