Amagama ezilo nezilwanyana zasekhaya ngesiXhosa
- Bhokhwe
- Gusha
- Hagu / iHotyi
- Hashe
- Kati
- Kwakwini / Kwarakwini
- Mbongolo
- Meyile: Esi silwanyana kudla ngokuthiwa yinzala yendibanisela yehashe nembongolo okanye undlebende.
- Nja
- Nkomo
- Rhanisi
- Tyiphu / Nkuku
Amagama ezilo nezilwanyana zasendle ngesiXhosa
- Bhadi
- Bhenxa
- Bhere
- Chathaza
- Chelesi
- Cikilishe
- Dyakalashe
- Fudo
- Gala
- Gongqongqo
- Hlengesi
- Hlosi
- Hodi
- Kholwase
- Krebe
- Liza
- Lovane
- Mbabala
- Mbila
- Mfene / uJambase
- Mkhombe
- Mnenga
- Mpofu
- Mpuku
- Mpunzi
- Mvolufu / mbulu
- Mvubu
- Mvundla: Kwimivundla kukho Ooholweni, nookolasi
- Ncanda
- Ndlulamthi
- Ngada
- Ngcuka
- Ngonyama
- Ngqawa
- Ngwane
- Ngwe
- Ngwenkala
- Ngwenya
- Nkamela
- Nkawu: Nazo iinkawu ziziintlobo ezahlukeneyo. Ikhona le nkawu inomsila mde incinane ngokomzimba, kubuye kubekho le kuthiwa yiTshimpanzi omzimba wayo unokulingana nowemfene.
- Nkonkoni
- Nkukhama
- Nomatse
- Nqu
- Ntenetya
- Ntini
- Ntloni
- Ntsimango
- Ntuku
- Ntulo
- Nxakwe
- Nxala
- Nyathi
- Nyengelezi
- Nyhwagi
- Nyoka: Neenyoka ziziintlobo ngeentlobo, kwaye zinamagama awohlukileyo ezibizwa ngawo ngokweentlobo zazo. Unobiya, Isikhotsholo, Irhamba, Imamba
- Nziphonde/Ngqumeya
- Phuthi
- Qabuntulo
- Qaqa
- Qhude
- Qwarhashe
- Sele: Namasele aziintlobo ezahlukeneyo. Kukho: Indubula bambi bathi lifubesi, Leli sele lithi xa lisengxakini livele likhukhukhumale de ligqabhuke okanye lidubule.
- Xam
- Xhama
- Xhwili
- Ntlanzi
- Nja yasendle
Kwizilwanyana zasendle kukho iindidi ngendidi kwakuhlu olunye lwezilwanayana. Zininzi nezinye iintlobo zeentsiba bhokhwe ezibizwa ngamagama awahlukileyo kwiindawo ngeendawo. Phofu ke nezinye izilwanyana zibizwa ngokwahlukileyo ngokokwahluka kweendawo. Ezinye ke izilwanyana azinawo amagama esiXhosa okanye kunqabile ukuba afumaneke. Umzekelo, kukho ibhokhwe yasendle ede ibe neempondo ezijijekileyo, kunye nenkomo yasendle, ingeyiyo inyathi. Kukho nezi kuthiwa lihashe laselwande nengonyama yaselwandle. Awakho amagama esiXhosa athe ngqo ezi zilwanyana.