Uhlu lweziduko zama Mpondo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Apha kweli khasi kudweliswe nje iziduko zamaMpodo zodwa. Azithuthanga ezo ziduko. Kule ndima kukukhankanya nje ezo ziduko kufikelelwe kuzo. Kodwa umlesi uyakubona ukuba kwakolu luhlu iziduko zamaMpondo zinguMbo nomXesibe, ngoko ke zisenokuba aziphelelanga. Okanye makube ezo zingakhankanywanga zibandakanyeka kwezo ziduko zichaziweyo. Ukuthutha iziduko zamaMpondo kufumaneka kwiqonga lokukhangela elithi www.iafrika.org/xh

Kwakhona kolu luhlu azifakwanga iziduko zabantu bezinye izizwe kodwa bephila kwisizwe samaMpondo. Iziduko zabo kunye nezibongelo zezo ziduko, okanye ukuzithutha kwezo ziduko, zifumaneka phantsi kwesizwe sezo ziduko. Konke oko kufumaneka kwela qonga likhankanywe ngentl’ apha. Nazi ke iziduko zamaMpondo:

Beko,
Bhala,
Cabe,
Dwayise,
Dwerha,
Capathi, 
Gangatha,
Gcuda,
Gingqi,
Gqwarhu,
Heleni,
Jola (ingenguye lo uliMpondomise. Lo Jola sisizukulwana sikaBhala, uBhala kaGangatha. Jonga uluhlu lweekumkani zamaMpondo),
Khiwa-Qwebeda,
Khonjwayo,
Khwalo,
Khwetshube,
Mthwa,
Ncenjane,
Ndayini,
Ngcoya,
Ngcwangube,
Njilo,
Nqanda,
Ntlane,
Ntusi
Nyathi,
Nyawuza,
Qhiya,
Qwane,
Same,
Thahle,
Tshomane,
Valela,
Woshe,
Zangwa

Leave a Reply