Izaci ngomtshato

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Iindonga ziwelene: Ukuba nomtsalane phakathi kwabantu ababini. Ukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwemizi emibini, nangaphezulu.
  • Ukufika emva komtshat’ eLawu: Ukufika into ebekungayo seyidlule. 
  • Yintlangu nenjakazi: Abantu abafaneleneyo. Abantu abangadlulaniyo ngokufaneleka.
  • Umzekelo: Kunzima ukuthi ngomphi obemhle phakathi komyeni nomtshakazi. Ndingagqiba kwelithi bafanelene qha, yintlangu nenjakazi. 
  • Ukwahlulwa ziindudumo: Kubhekiswa kubantu abathandana kakhulu ekungekho nto inokubahlukanisa. 
  • Ududelwe nguJambase: Ngenxa yobudala bakhe ude wadlulelwa lixesha lokuba angabonwa lisoka limtshate.
  • Undofa naye: Umlingane wakho eniyakwahlukaniswa kukufa naye.

Leave a Reply