- Ukujingisa intloko: Ukudana.
- Ukubamb’ amazinyo: Ukoyikisela ukuba ngehle kwenzeke into embi. Umzekelo: Uthe akuthi gqi uyise kaValelisa ndabamb’ amazinyo ukuba akazukumbhaqa esona na njengokuba ezimisele ukonakalisa yonk’ into nje.
- Ukuqinisa imihlathi: Ukunyamezela.
- Ukudla imihlathi: Ukuqumba.
- Ukuthi caa izisini: Udano oluxube nomothuko ngenxa yesenzo ubungalindelanga ukuba singenzeka, umzekelo, yeka ukumthemba kangaka lo Fanavele ningamaziyo nokuba uvela phi kodwa nimnike imali yenu. Inene ngeny’ imini uyakunishiya nithe caa izisini. Nakuthi ndanditshilo.
- Ukoma umqala: Ukunxanwa.
- Ukujingisa intamo: Ukudana.
- Ukuphila ngamathe entamo: Kubhekiswa kumntu osokolayo.
- Ukubil’ usoma: Ukuxakeka ekwenzeni into.
- Uze ngobuso elizweni: Umntu osemtsha.
- Ukuwa ubuso: Ukudana.
- Ukuthi ntaa amehlo: Ukujama nje kwaye ubonakalisa nokothuka.
- Ukuyitya ngamehlo: Ukubona into ube ungazukwenza nto ngayo nakubeni unomnqweno woko.
- Ukuxhoma amehlo: Ukothuka.
- Ukuthi ng’a umlomo: Kubhekiswa kumntu othathwa ngokuba unyabile.
- Ukukhamisa: Kubhekiswa kumntu othathwa ngokuba unyabile.
- Ukubamb’ ongezantsi: Ukothuka. Ukubona into obungalindelanga ukuba ungayibona. Ukumangaliswa yinto oyivayo okanye oyibonayo. Umzekelo: Uthe akuva eso sishiqi senziwe ngunyan’ akhe wabamb’ ongezantsi.
- Ukuluma ongezantsi: Ukucaphuka.
- Ukusuka egadeni: Kutshiwo kumntu omde ngesithomo.
- Ixuxuzelisa amathumbu: Into emasikizi.
- Ukuba nezibilini eziphezulu: Ukothuka.
- Ukuma ngeembambo: Kubhekiswa xa indawo ekudityanelwe kuyo izele kakhulu, kuthiwa izele imi ngeembambo.
- Umhlahlo ngamehlo: Ukubeka into elubala ukuze ibonwe nangabanye abantu.
- Ukubamba umlomo: Ukumangaliswa.
- Udle ingcolo: Kubhekiswa kumntu otyhafileyo.
- Ukugob’ umnqonqo: Ukudana.
- Ukwaphuk’ umnqonqo: Ukudana.
- Ukuva ngozipho: Ukuqinisekisa ubume bento.
- Umntu yinkonkx’ enetha: Kunzima ukumgqiba umntu, namhlanje unje, ngomso unjeya. Inkonxa enetha iyasinda, ayinako ukuphakanyiswa nkqu nangamadoda noba sewelishumi.
- Umntu lulwandle: Umntu unzulu, awunakumazi ngokupheleleyo.
- Lenyele idolo lenkonyana: Ukudana okukhulu.
- Ukuthi xuku injeke: Ukutyhafa.
- Ukuqhunyiselwa luthuli: Kutshiwo kumntu omfutshane.
- Ihambisa umzimba: Into emanyumnyezi.
- Ukuwa komzimba: Ukutyhafa.
- Ukuhanjelwa ngumzimba: Ukuba namanyumnyezi ngenxa yokubona okanye ukuva into emasikizi.
- Ukuvusa ikhokho: Ukuthetha ngento elusizi esele inethuba idlule ekungeba iyalityalwa ngabo uyithetha kubo.
- Ukucuntsula kweyabantwana: Ukukhala okanye ukulila.
- Ukungaginyisi mathe: Imeko engaxolisiyo.
- Udinwe uyimfe: Ukudinwa kakhulu.
- Udinwe uyiqhiya: Ukudinwa kakhulu.
- Ukuba yinkuku enethileyo: Ukudana.
- Umkanja: Umntu ohlelelekileyo kuloo meko athelekiswa nayo okanye loo nto kuthelekiswa yona.
- Ukungabi ngumkanja: Ukungabi wedwa kuloo nto ihlelelekileyo okanye ithelekiswayo. Umzekelo: Hayi wethu Nozililo sukufana ukhathazeke, awungomkanja, nam ikhe yandehlela le meko ukuyo.
- Ibanda okwempumlo yenja: Into ebanda kakhulu.
- If’ amanqe: Ayibalulekanga.
- Abantu bambal’ ankomo: Abantu bayafana ngenkangeleko.
- Inxowa lif’ amathole: Into engento.
- Isanya-mtya: Umntu othule ngaphezu kwesicelo kangangokuba nabani na wenza nantoni na ayithandayo kuye.
- Ukuba yigusha: Ukululama.
- Unomkhitha okwehashe: Umntu onesidima nesithozela nobukekayo.
- Ukudla amanqatha: Ukudikwa yinto eyenzekayo. Ungabi namdla wayo.
- Ukungabi namongo: Into engacacanga, engabambekiyo, ukuba livetyevetye.
- Ukusika emathunjini: Ukuvelana kakhulu nomntu owehlelwa yinto embi. Umzekelo: Yhuu! Ndiske ndithi ndakucinga ngeli shwangusha lehlele uNomashwa kus’ ke kusike emathunjini.
- Ukungabi nandonci: Akakakhuli ngokwaneleyo ukwenza loo nto kufuneka yenziwe.
- Ukukholwa yeyokosa: Ukoneliseka kwinto ebidelelekile ukuba ayinakwenzeka. Umzekelo: Tyhini, ebeba uzakuvele athi qwaka-qwaka awufeze lo mba, kungoku nje ukholwe yeyokosa kuba ingathi akukabi phi.
- Ukudikwa yeyokosa: Ukoneliseka kwinto ebidelelekile ukuba ayinakwenzeka.
- Ukuba sisikhwenene: Ukulinganisa izinto zabanye abantu.
- Lisibekele: Le ntetho ibhekiswa kumntu oqumbileyo okanye onomsindo abe engayitsho into emcaphukisayo.
- Izulu lihlomile: Xa kusibekele phambi kokuba kune. Umntu oqumbileyo.
- Ukuba yintsikizi: Kutshiwo kumntu omnyama kakhulu ngokwebala.
- Ukuba nomvundla: Umntu ophakuzelayo de kubengathi ziyamshiya.
- Ukuvundla: Ukuhlala uphaphamile ukuze ungaziboni ungena engxakini ungalindelanga.
- Ukuba yindlovu: Umntu onamandla kakhulu.
- Ukuba ngumkhombe: Ukuba ngumntu onomsindo omkhulu ongalawulekiyo.
- Isisele senyathi: Umntu onobunzulu ekwaphangalele ngolwazi nangamava.
- Ukuba yinyathi: Umntu owakhekileyo nobonakalisa ukuba namandla.
- Ukungonyama: Ukuba nomsindo ongalawulekiyo de ufune nokudlakaza nabani na okufutshane nawe.
- Iqaqa aliziva kunuka: Umntu akaziboni into ayiyo.
- Ukuvath’ iqaqa: Ukuba nomsindo.
- Unomdintsi netyheneba: Unezothe kakhulu. Ukuba nezothe kukungathandeki ngaphandle kwesizathu komnye umntu okanye kwabanye abantu, uvele nje ungathandwa kungekho nto imbi uyenzileyo kwabo bantu.
- Isandla semfene: Isandla sasekhohlo.
- Ukwanya imfene: Ukuvuka unemikhala xa ubulele.
- Umanz’ andonga: Kutshiwo xa kunconywa ubuhle bomntu, le ntetho ibhekiswa kumntu obhinqileyo.
- UBhelu olumanz’ andonga: Kutshiwo xa kunconywa intombi entle nguloo mntu uthatheke bobo buhle.
- Ubuhle buphela ngofele: Nokuba umntu angamhle kangakanani na ngenkangeleko, usenokuba uqulethe ububi ngokwesimilo.
- Ukuhlala ngempund’ enye: Ukungonwabi.
- Ukwambatha ingub’ esele: Ukuhamba ze unganxibanga kwanto iyimpahla.
- Umdudo wamasele: Into engenamkhondo wokuba ngubani na oyikhokelayo.
- Umdudo woononkala: Into engenamkhondo.
- Akahlalwa mpukane: Umntu olihomba, ococekileyo.
- Ukuhlekwa naziintaka: Ukuba yintlekisa nakuthathatha.
- Uhlwile: Uqumbile okanye unomsindo.
- Ukunuk’ ukutsha: Into engaqondakaliyo.
- Ukutsha ziintambo: Ukungxama.
- Umsina ndozele: Into engenamtsalane.
- Utye incindi yekhala (yemvomvo): Kubhekiswa kumntu osuke wadakumba, watyhafa.
- Ikhozo lomya: Kutshiwo xa kunconywa ubuhle bomntu.
- Ilizwe liyintombazana: Ilizwe lihle, lityebile, imvula inile, izityalo zithwele kangangoko nemfuyo iyatikizela kukutyeba.
- Umkhomb’ ubhembesile: Ukudana.
- Iwe ngoboya: Akukho nto yonakeleyo.
- Uqulukubhode: Isiphithiphithi.
- Ukukhabela ezipalini: Ukuya kwisisombululo soko kuxoxwa ngako.
- Ukuba maphikana: Ukuphefumlela phezulu ngenxa yokothuka okanye ukoyika.
- Uginye ucingo: Umntu onqinileyo.
- Imvumi yaseBhelem: Umntu oliyilo xa ecula.
- Umlilo wendiza: Into ekhawuleza iphelelwe lifuthe okanye ixesha.
Izaci ngenkangeleko
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
[tagscloudplus]