Izaci ngomnombo nezinyanya

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Kwelemimoya: Apho iphila khona imiphefumlo yabangasekhoyo, abalele ukufa okanye izinyanya. 
  • Ukudla ngendeb’ endala: Ukwenza izinto ngokwenkqubo yamandulo nakubeni sekukho inguqu kwindlela ezenziwa ngayo. 
  • Abantwana bomgquba: Iinzalelwane zaloo ndawo, ukusukela kookhokho. 
  • Abantwana begazi: Abantwana basebukhosini. Le ntetho ibhekiswa nakumntu omdala kuba ezalwe ebukhosini. Kule mihla abantwana begazi ngabo bonke abantu abanesiduko sasebukhosini nokuba, abazalwa ncakasana kule ndlu yobukhosi. 
  • Abantwana bogaga: Iinzalelwane zendawo. 
  • Abantwana bomthonyama: Iinzalelwane zendawo. 
  • Abantwana bothuthu: Iinzalelwane zendawo. 
  • Awakulo nkomo: Amaphakathi enkosi. 
  • Isithwalandwe: Umntu ohlonitshwayo waza wawongwa ngemisebenzi yakhe. 
  • Ngqanga neentsiba zayo: Lilizwi lokukhahlela okanye ukubulisa abantu abahloniphekileyo kunye nabo babangqongileyo. Ingqanga luhlobo lokhozi olumalunga nobukhulu bexhalanga. Kuthiwa le ntaka ibibaluleke kakhulu ngexesha leemfazwe ngoba ukuba ithe yandanda phezu kwalo mabutho aya emfazweni, loo nto ithetha ukuba bazakuphumelela kwelo dabi. Le ntaka iyahlonitshwa kakhulu ngenxa yesithozela enaso nangokuba ukubonakala kwayo kuchaza amathamsanqa. Kanti ke kukholelwa nokuba kwa-iintsiba zayo zizisa amathamsanqa. Umntu ofaniswa negqanga yikumkani okanye inkosi ngenxa yentlonipho ekufanelwe ukuba bayayizuza ivela kubantu bayo. Iintsiba zale ntaka zifaniswa namaphakathi eenkosi, ngenxa yentlonipho nexabiso lawo ngokuthi axhage kwaye axhase iinkosi. 
  • Kweleenkobe: Emhlabeni, apho kungekuko ezulwini. 
  • Kwelamathongo: Apho kuphila khona izinyanya. 
  • Ukutshayela amabala: Ukulungisa imeko yekhaya ngaphambi kokuba kuqale umcimbi. 
  • Zidwesha nani zidwangube; Kutshiwo xa kubuliswa abantu abahloniphekileyo kunye nabo babangqongileyo.
  • Iindwalutho; abantu abahloniphekileyo.

Leave a Reply