Ulwimi lwesi Mpondomise
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Kunzima ukufumana ulwimi lwesiMpondomise nakubeni imibhalo efumaneka kumaqonga okukhangela e-elektroni kuyachazwa ukuba amaMpondomise ayatekela xa ethetha. kodwa xa uzingela akukho mizekelo yamagama esiMpondomise afumanekayo. Sikho sona isikhalo sokuba amaMpodomise anunuswa ngolwimi lwesiXhosa ukuze kufundwe lona ezikolweni nokuba ibe lulo oluthethwayo nakumanye amaziko olawulo. Noxa kunjalo, amaMpondomise awangomkanja. Zonke izizwe zephondo leMpuma Kapa ezingengawo amaXhosa zaye …