Ulwimi lwesi Mpondomise

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kunzima ukufumana ulwimi lwesiMpondomise nakubeni imibhalo efumaneka kumaqonga okukhangela e-elektroni kuyachazwa ukuba amaMpondomise ayatekela xa ethetha. kodwa xa uzingela akukho mizekelo yamagama esiMpondomise afumanekayo. Sikho sona isikhalo sokuba amaMpodomise anunuswa ngolwimi lwesiXhosa ukuze kufundwe lona ezikolweni nokuba ibe lulo oluthethwayo nakumanye amaziko olawulo.

Noxa kunjalo, amaMpondomise awangomkanja. Zonke izizwe zephondo leMpuma Kapa ezingengawo amaXhosa zaye zanunuswa ngesiXhosa. Umehluko nje ikukuba ezo zizwe azizange zilunikel’ umva ulwimi lwazo. Umzekelo amaBhaca namaMpondo nabo banyanzeliswa ngolwimi lwesiXhosa ezikolweni nakumaziko karhulumente kodwa abazange balulahle ulwimi lwabo, bayaluthetha emakhayeni nekuhlaleni. Ezi zizwe azaneli kulithetha nje, zide zalubhala kwaye zalusasaza nakumaziko onxibelelwano. Akunjalo ke kumaMpondomise. Xa kukhangelwa kumakhasi e-elektroni akukho lwazi lufumanekayo olubonisa ulwimi lwawo elungesosiXhosa.

Leave a Reply