Kwathi ke kaloku ngantsomi.
Kwakukho umfama owayemana eqokelela imibungu entsimini yakhe ze ayise edolophini apho wayeyitshintshisa khona ngeentsiba zentaka. Indlela yakhe eya edolophini yayinqumla ehlathini. Lo mlimi wayedla ngokuyiqokelela ayigalele enkonkxeni le mibungu, ayiphathe ngalo nkonkxa ukuyisa kwabo ananisa ngayo kubo.
Ngaminazana ithile wenjenjeya ukuya edolophini njengesiqhelo. Uthe esesendleleni enqumla ehlathini, weva ebuliswa ngunomyayi ehleli emthini. “Ndicel’ ukubuza ukuba uphethe ntoni na kulo toti yakho?” Kubuza unomyayi. “Ndifake imibungu kuyo,” waphendula umlimi. “Ke ngoku uyisa phi imibungu ngathi uxhabashile nje?” Kusabuza unomyayi. “Ewe, ndixhabashile. Ndiyisa edolophini. Ndananisa ngayo ukuze ndifumane iintsiba zentaka,” utshilo umlimi.
“Hay’ bo, utheth’ba usuka ngapha elalini uye ngaphaya edolophini ukufumana iintsiba qha ngenkonkxa yemibungu?” Kubuza unomyayi. Wavele wakhwankqiseka umlimi, aphela emqaleni ukuba angamphendula athini na unomyayi. “Ungathini ukuzisindisa ngenkonkxa yemibungu ube uzakuzuza usiba olunye ngenkonkxa?” Ukhelelele watsho unomyayi waze wongeza ngelithi, “Mna bendicebisa ukuba senze isivumelwano esizakusilungela sobabini.” “Hay’ uye unditshonela ngokunditshonela ngoku. Sivumelwano sini eso ndinokusenza nawe. Kwaye kutheni ndizakwenza izivumelwano noonomyayi?” Wabuza umlimi ebufudumala.
“Mamela kaloku ndod’ enkulu. Uyabona nawe ukuba libalele kanjani. Nani belimi anisawalimi amasimi enu apho besifumana khona imibungu. Phofu ke nalapho sasinceda nina ukuze imibungu ingonakalisi izityalo zenu. Jonga ke ngoku ufuna iintsiba zentaka, endinazo ke phofu, ndibe mna ndiyintaka nje ndifuna imibungu le uyiphetheyo. Silapho ke esi sivumelwano ndithetha ngaso. Wena uzakundinika inkonkxa yemibingu ngosuku, ze mna ndikunike usiba ngenkonkxa nganye. Kwelinye icala nguwe ozakuzuza ngakumbi kuba awuphindi ube uphelelwa ziisoli zezihlangu ukuya leee edolophini.” Walebela ngalawo unomyayi.
Senziwa ke isivumelwano. Rhoqo umlimi esizisa imibungu, unomyayi uxhwitha usiba anike umlimi. Ziqengqelekile iiveki sihamba kakuhle isivumelwano. Kwalile ngolunye usuku umlimi wafika unomyayi ehleli phantsi komthi, lo ebefudula ehleli emasebeni awo. Isimanga yayisesokuba ngoku wayesisibhukubhuku esingenazintsiba. “Hay’ bo mhlob’ am, kutheni ingathi awuzukubanalo nje usiba lokundihlawula nje namhlanje? Kubuza umlimi engaqinisekanga. Wakhala kalusizi unomyayi esithi, “Ndincede oku kwanamhlanje, nkosi yam. Ndiyafa yindlala kwaye ndiyagodola.”
“Uyasazi isivumelwano mhlob’ am. Kaloku senza nezibhambathiso zokuba ze zingophulwa, kwaye xa kuthe kwakho osophulayo phakathi kwethu sinqunyanyiswa ngoko nangoko isivumelwano. Ngoku asikwazi kaloku ukuzophula. Xa ungakwazi ukundinika usiba lwam, mandidlulele edolophini apho ndizakuncedeka khona,” watsho edlula umlimi, eshiya olo sizana lonomyayi olwaba lilifa lengqele nokuqwengwa ngamarhamncwa ehlathi kuba lwalungasakwazi nokubhabha.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Musa ukuthabatha indlela enqumlayo ekwenzeni izinto. Ayizizo zonke izinto onako ukuzenza ngohlobo olwahlukileyo kunolo zidalelwe ukuba zenziwe ngalo.