Intsomi yesiXhosa: USokhetye

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwathi ke kaloku ngantsomi.

Kwakukho iimpuku ezimbini. Ezi mpuku zachola iqhekeza lesonka samasi ze kwafuneka zahlulelene ngalo. Enye iye yakhalaza ngelithi enye le ifumene iqhekeza elikhulu kunayo, kanti bekumele ukuba zifumane amaqhekeza alinganayo. Ithe xa iphinda iqhekeza enye le, nayo yakhalazela ukuqhatheka. Zagqiba kweli lokuba maziye kumgwebi omkhulu, yena uzakukwazi ukuziqhekezela ngokulinganayo.

Zahamba ke zaya kuNkawu, umgwebi omkhulu. Zayichaza ingxaki yazo. Kwangoko uSokhetye, yayiligama aziwa ngalo elo, wathi ilula kakhulu le ngxaki ziyizisileyo ezi mpuku. Watsho esithi mazize nesonka eso. Zithe zibuya wabe uSokhetye sel’ elungile nesikali sakhe sokulinganisa izisindo zezinto. Wabeka elinye iqhekeza kwelinye icala lesikali, waza wabeka elinye kwelinye icala. Sasuka savepha isikali sisiwela kweli cala leqhekeza elikhulu kunelinye. Walithatha, waluma uSokhetye, eliphungula. Waphinda wabeka esikalini, suka isikali sehla kweliny’ icala. Wathatha elo qhekeza liwisa isikali, uSokhetye, waluma, wabeka, sawa isikali kweliny’ icala. Yaba seso qho eluma ebeka esikalini, kuphinde kufuneke aphinde alume, siphinde siwe isikali.

Zaseziphunguphunguza ngoku iimpuku, ziwarhole onk’ amehlo, zibona ukuba siyaphela isonka sazo. Wayengayekanga umgweb’ omkhulu ukuluma ngapha nangapha. Zithe xa zibona ukuba siyaphela isonka sazo iimpuku, zakhalima ngelithi, “Pheza mgweb’ omkhulu! Yidl’ usishiyele Sokhetye!” Wabangathi akaziva uSokhetye. Wathi ekweli iqhekeza, wabe ekweliya. Kuthe xa sekusele amaqhekezana amancinanana wavele wawankwamla omabini. Sabe siphelile ngolo hlobo isonka samasi, zingafumananga neqhekezana elincinci iimpuku.

Phela, phela ngantsomi.

Imfundiso: Ucuntsu akafani noshici. Ukuyibeka ngolunye uhlobo singathi iqhekeza lesonka lingcono kunelize. Yanela kwaye wanele ngumlinge wento oyiphiwayo okanye oye wanethamsanqa lokuyichola, ukuba akukho mntu ocele umacholi.

Leave a Reply