Intsomi yesiXhosa: Unyawanazibomvana
Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho amantombazana amane awayeyakutheza ethafeni elithe qelele kowawo. Kwakusemva kwemini ukunduluka kwawo, babe besazi ukuba bazakubuya ngelemivundla. Kuthe xa sebesendleleni, bethe tyishi elalini, babona udade wabo omncinci ebalandela. Bamyalela ukuba abuyele ekhayeni, kodwa akazange avume. Nabo babengenakwazi ukumgodusa ze baphinde babuye ngoba babezakulibaziseka ngakumbi. Bagqiba ukuba bahambe naye, nakubeni babengayithandi loo nto. …