- Ukuya kwabanamehlo: Ukuya kuvumisa emagqirheni.
- Akanawo nowempumlo: Uphile qete. Akaguli yinto, nangumkhuhlane lo wembala.
- Akabikwa hlaba: Uphile qete.
- Ukulalisa ikhokho: Ukuthuthuzela abantu abahlelwe yinto embi okanye elusizi, njengokufa.
- Ukubopha inxeba: Ukuthuthuzela, ngakumbi umntu owehlelwe lilifu elimnyama.
- Ukudla amazimba: Ukuphila.
- Ukuzikhoth’ amanxeba: Ukuzithuthuzela kwintlungu onayo. Umzekelo: Akuzange kubekho namnye umntu ondivelelayo ndakwahlelwa seso sihelegu, ndancama ndazikhotha amanxeba.
- Ukulalisa iziphunzi: Ukuthomalisa imeko yonxunguphalo ngokuthi unike inkonzo yentuthuzelo kwabo bakuloo meko.
- Ukuthath’ iintonga: Ukuya egqirheni ngokuya kuvumisa.
Izaci ngokuphila nokuphilisa
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso