- Ukuhlaba ukhangele: Ukwenza into ulumnkile ukuba iziphumo zayo zingakujikeli kakubi.
- Ukwenza izinto zamehlo: Ukugqwesa entweni.
- Kukud’ engqinibeni: Akukho lula ukufikelela empumelelweni. Akululanga ukufikelela kwindawo ekunqwelwa ukufikwa kuyo. Umntu ekungalulanga ukufikelela apho kumelwe abe selefikelele khona.
- Ukuphuma izandla: Ukugqwesa uvelele kwabanye ekwenzeni loo nto yenziwayo.
- Ukuqongqotha ithambo: Ukwenza into ngempumelelo.
- Ukuba sisikhokho: Ukugqwesa.
- Kosengwa ikati: Kuyakwenziwa unakonako wokuphumelela phantsi kweemeko zokuswela.
- Laza latol’ iLawu: Waze wayichana into ebenganalwazi ngayo ngaphambili. Le ntetho ibhekiswa kumntu odlisela ngokuchana into phofu efudula ephosa.
- Ukuqhumza iqanda: Ukuphumelela emva kwexesha elide uzama.
- Ukukhanda umongo: Ukwenza into ngempumelelo. Ukufikelela esiphelweni sento.
- Ntinga ntakandini: Qhubekeka uphumelela.
- Intambanane endand’ emafini: Umntu ogqwesileyo.
- Ukutshila kwentambanane: Ukwenza into ebukelekayo.
- Ukuba yingwenya: Ukugqwesa.
- Impumelelo isentabeni: Kuyanyanyezelwa ukuze kufumaneke impumelelo.
- Kumhla kwahluzwa: Kude kwakho impumelelo.
- Ukutshotsh’ entla: Ukugqwesa.
- Kukud’ eLatakisa: Akukufutshananga empumelelweni kwaye akuthembisi ukuba kwakufikwa kwangoko.
- Ubude abuphangwa: Impumelelo ayifiki ngexesha elinye. Kuthatha ithuba ukufika empumelelweni.
Izaci ngempumelelo
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso