Amaqhalo ngenqala nezisongelo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukuzibethekisa ngenyhek’ etyeni: Ukuzifaka engxakini obunokwazi ukuyigwema.

Umzekelo. Bekutheni uTatazela azakhethe ukudibanisa noNtwengento kulo mcimbi wakhe. Inene uzibethekisa ngenyhek’ etyeni kuba uNtwengento uzakuyonakalisa yonke loo nto yabo.

  • Iliso liphandlwa kubekanye libone: Umntu ubetheka kubekanye angaphindi enze into ezakumfaka kwakule ngxaki aphuncuke kuyo,

Umzekelo. Yhuu, mfondini! Andiphindi ndilibeke olwam phaya emva kokubetheka okungaka. Kaloku liphandlwa kubekanye libone.

  • Ukubona kanye kukubona kabini: Xa ubetheke entweni awuphindi uyokugaxeleka kwakuyo kwakhona.

Umzekelo. Unongekh’ehle kaloku ukuba ndiphinde ndiziqhathise ngala tata, Kaloku ukubona kanye kukubona kabini.

  • Ulwantwentwe ngesisu, ungcathu ngemikhono: Ngumntu othanda ukuxhamla kube kunzima ukwenza ngezandla.

Umzekelo. Ndlela le azithanda ngayo izinto ezenziwe ngabany’ abantu abe engafuni nokuchukumisa nantoni ngezakhe izandla, lulwantwentwe ngesisu, ungcathu ngemikhono.

  • Iimpundu ziyavimba, ziinyawo eziphayo: Akukhonto unokuyizuza ngokuhlala phantsi ungayiphakameli.

Umzekelo. Ucing’ ukuba uyakuphumelela njani usisidodo engafuni kusukuma nje? Akayazi ukuba iimpundu ziyavimba, zinyawo eziphayo?

  • Ungevi emadolweni ungekaphakuli: Ungabokuqala ngokuvuya ungekaphumeleli.
  • Ilifa lezidenge lityiwa zizilumnko: Umntu ongenankathalo zizinto zakhe zigqibela zixhamlwa ngabo bazidingayo.
  • Ikhona inyama phantsi komhluzi: Kukho into engaqondakaliyo.
  • Umdlankuku wafa yindlala: Umntu okhetha izinto, athande ezithile, ugqibela engafumani nto ngakumbi xa ezi azithandayo zingekhoyo.
  • Amaqanda akho waqokelelele engobozini enye: Izinto zakho ziqoqoshe zibendawonye.
  • Ungaqali ngokubala amantshontsho inkuku ingekaqanduseli: Musa ukuvuyela impumelelo ungekayigqibi into oyenzayo.
  • Inja ikhonkotha imoto ehambayo: Abantu abonqenayo basoloko bezingela isiphene kumntu osebenzayo xa asebenza nabo, ze bamxwaxwe ngeso siphene, nokuba siyinto abayiqamba ingekho.
  • Inja ayiyikhonkothi imoto emileyo: Abantu abonqenayo bayakuvuyela ukuyekwa bengenzinto bamncome nomphathi ngokuba nobubele ebantwini.
  • Ayibaleki zibayeni zibini: Hoya izinto zakho.
  • Inkonyana itsiba apho unina atsiba khona: Lumka ngaphambi kokuba wenze, ungalandeli abanye abantu hleze ubesengxakini ngokuzibandakanya.
  • Ungaphothuli kungekasengwa: Yenza izinto zokuqala ekuqaleni.
  • Sukunxibisa ihagu umsesane wegolide: Musa ukunika umntu into angazukuyixabisa.
  • Sukujijisana nehagu kuba iyakukurhuqela eludakeni, kwaye iyakholwa koko: Sukuzibandakanya nabantu abangoongantweni kuba bayakukudobalalisa.
  • Idada lidada kwesalo isiziba: Umntu wenza into ayithandayo endaweni yakhe.
  • Intaka evuka mva idliwa zizagweba: Musa ukuliyeka ithuba lidlule hleze kungaphindi kuvele elinye.
  • Intaka evuka kuqala yeyona isindayo: Umtu olibambayo ithuba lisavela uyaphumelela.
  • Intaka evuka kuqala yeyona ifumana inyiki elityebileyo: Umntu okhawulezayo ukwenza into ngoyena uphumelelayo. Umntu oyisukela kwangoko into ekunikiswa ngayo ngoyena uyifumanayo. Abasuka mva bafika sele iphelile.
  • Uleqa intak’ endala uba lintshontsho: Ukungazilinganiseli kwinto oyifunayo nonoku-kwazi ukuyenza.
  • Usukela intaka endala uba lithole: Ukungazilinganiseli kwinto oyifunayo kanti kuzakusuke kukuxake ukumelana nayo.
  • Nosel’ eyibethile akakayoji, noyojileyo akakayityi: Sukukhawuleza uvuye ungekaqiniseki ngempumelelo. Phaya ezilalini iintaka bezigityiselwa ngamatye okany sidutyulwe ngerekeni. Kusenekwenzeka ke ukuba uthi ngoku uyibethile kanti awuyoselanga. Xa kunjalo isenokubuye ibhabhe. Mhlawumbi uyichane ephikweni isuke ibaleke ngemilenze ikushiye. Maxa wambi ke ungayibhetha uyosele isuke iyokuwela kwindawo ongenakukwazi ukufikelela kuyo. Kusenokuthi ngoku uyibethileyo wayifumana kusuke kuthi ungekayoji gqi ikati okanye inja iyithi hlasi iyitye. Okanye kusenokuthi gqi inkwenkwe endala kunawe ikuqweqwedise ithathe loo nyama, ibe ikuphosile ngolo hlobo. Kwakhona kusenokuthi ngoku sewuyojile ivele ityiwe yinja okanye ikati, okanye ithathwe yinkwenkwe ekuhlukumezayo. Kungoko ke kufuneka ulinde de uyitye ube sewubalisa ukuba ibimnandi njani inyama yaloo ntaka.
  • Akukho ntaka inokubhabha ngephiko elinye: Qiniseka ukuba unazo zonke izixhobo ezidingekayo ngaphambi kokuba uqalise ukwenza into.
  • Intlwa ayibanjwa ngentloko isavela: Musa ukuyingxamela into ungekayiboni ubunjani bayo.
  • Ungaphathi mpukumbini, enye iyakukuphunyuka: Musa ukuzixakekisa ngezinto ezininzi ongenakukwazi ukuzifeza ngaxeshanye.

Umzekelo. Ndimthele nqa ukuba athi engumfundi abuye abengumphangeli ebusuku kanti ukuphuma kwesikolo uhlala nabahlobo. Ebecing’ ukuba uzakuziphumelela njani izifundo. Kaloku akanakuphatha mpukumbini, enye iyakumphunyuka.

  • Impuku ayivalelwa nempuzi: Musa ukumhenda omnye umntu.
  • Iqhinga lidliwe yimpuku: Iqhinga abezama ukulenza liphanzile.
  • Uyakuyaz’ etyiwa ligqirha emva kocango: Uyakufumaneka ngezenzo zakhe.
  • Uyakulicula elandincamisayo: Lento uyenzayo iyakukujikela kakubi.
  • Ufikile apho ububhalele khona: Ude wayifumana into obukade uyizungula.
  • Uyakuwukhomba umz’ onotywala: Uzakufumaneka ungaphulaphuli nje.

Leave a Reply