Iliso
Amaqhalo ngenqala nezisongelo
Umzekelo. Bekutheni uTatazela azakhethe ukudibanisa noNtwengento kulo mcimbi wakhe. Inene uzibethekisa ngenyhek’ etyeni kuba uNtwengento uzakuyonakalisa yonke loo nto yabo. Umzekelo. Yhuu, mfondini! Andiphindi ndilibeke olwam phaya emva kokubetheka okungaka. Kaloku liphandlwa kubekanye libone. Umzekelo. Unongekh’ehle kaloku ukuba ndiphinde ndiziqhathise ngala tata, Kaloku ukubona kanye kukubona kabini. Umzekelo. Ndlela le azithanda ngayo izinto ezenziwe ngabany’ …
Amaqhalo ngempindezelo
Umzekelo. Njani ukuba uthi mandincede uZinto kule ngxaki yakhe ekubeni ebehlekisa ngam izol’ oku ndinale ngxaki anayo namhlanje. Kwehla ngamqal’ amnye kaloku, naye makazisombululele njengoko nam ndenzile. Umzekelo. Endaweni yokuvelana naye wasuka watyikila ityuwa enxebeni emsola ngoko kwenzekileyo.