Izaci ngokhuseleko nokuqaphela

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukutyebis’ amehlo: Ukuzanezisa ngokuthi uyibone into. 
  • Ukulola amehlo: Ukuqwalasela. 
  • Ukuba liliso: Ukukhathalela into. Umzekelo: Melwane ndiza kukhe ndithi tshalala ngomso ndibuye sekuhlwile. Ndincede ubeliliso phaya endlwini kuba imigewu iyalana nokubona indlu ivaliwe. 
  • Ukuba neliso elibukhali: Ukukwazi ukuqaphela into eyenzekayo. Umzekelo: Hayi ntanga awunakumqhatha uMjongile, uneliso elibukhali laa mfo. Ude aqaphele nale ubucing’ ukuba uyivalile kuye. 
  • Ukuba neliso: Ukuba lichule ekuqapheleni into. 
  • Ukujonga ngeliso lokhozi: Ukuqaphelisisa into. 
  • Ukusa iso: Ukuqaphela. 
  • Ukubeka esweni: Ukuqaphela into ukuze ingakuqubuli ungalindelanga. 
  • Ukufaka ekhwapheni: Ukukhusela omnye umntu. Ukusondeza umntu ngeenjongo zokuba ungafuni afumane futhe elivela kwabany’ abantu. 
  • Amahlath’ aphelile: Akusekhonto yakusithela. Amaqhinga abhaqekile. 
  • Ukuba nelifu: Ukuba nabantu abaninzi abamkhuseleyo. 

Leave a Reply