- Uzelwe enamazinyo: Umntu othi eselula abe esazi kwaye esenza izinto ekulindeleke ukuba zenziwa ngabantu abadala.
- Ukuhleka isiqhazolo: Yintetho ephoxayo ebhekiswa kumntu ohleka into abayibona ingahlekisi abanye abantu.
- Uncumo olugoso: Kutshiwo xa kuphoxwa umntu oncumela into angamelwanga kuyincumela.
- Ukosul’ ukubila: Ukumangaliswa. Umzekelo: Hayi undosul’ ukubila, bendingazi ukuba ningamawele, nto nje bendisoloko ndinincoma ukufana.
- Ixhomis’ amehlo: Into eyothusayo.
- Ishiy’ amehlo: Into eyenzeka ngokukhawuleza, emangalisayo ibe ingeyonto yamkelekileyo.
- Ukuxhomis’ amehlo: Ukothusa.
- Ukufinga iintshiya: Ukuba nolunya. Ukubonakalisa ukungayamnkeli into oxelelwa yona ube ungenako ukuthi awuyamnkeli. Umzekelo: Kutheni wafing’ iintshiya ndithetha nawe, uyadelela, hi?
- Uluncu olumashiyi: Utshaba oluzibonakalisa ngathi lungumhlobo wakho kanti lujonge ukukwenzakalisa.
- Ukucel’ injezu: Ukuzigqatsa ufune abantu bajonge kuwe.
- Ukuba nesigqezu: Ukuzigqatsa entweni ngokungathi nguwe wedwa oyaziyo nokwazi ukuyenza de ufune ukujongela phantsi abo bangathi abayazi.
- Ukukhala esimantshiyane: Ukuyaleka ekwenzeni into ezakusuka ikujikele ibeneziphumo ezibi. Umzekelo: Uyakuze akhale esimantshiyane uCwethe njengoba ethethelela umntwana akugqib’ ukwenza izinto ezimanyumnyezi abantu bejongile.
- Ukutsho esofelweyo: Ukukhala kakhulu nalusizi.
- Ukuba likhalane: Ukuba nomkhwa wokufuna usoloko uzuza komny’ umntu ube ungenanto ukhe umncede ngayo.
- Ukufaka impumlo: Ukungena kwinto engakufuniyo.
- Ukufinga impumlo: Ukubonakalisa ukucekisa into.
- Ukuqhosha impumlo: Ukubonakalisa ukucekisa into.
- Ukutsala ngempumlo: Ukwenza omnye umntu enze into efunwa nguwe nokuba akayithandi.
- Ukuthi nqo ngempumlo: Ukwenza omnye umntu enze into efunwa nguwe nokuba akayithandi.
- Itsha-ntliziyo: Umntu olikhalipha, oyimelayo into akholelwa yiyo nokuba sekukho imbonakalo yokuchaswa okude kuse ekonzakalisweni.
- Ukuyingena ngesihlwitha: Ukungena into ngokungxama kwaye ungamenywanga nakuyo.
- Iliso lisela: Iliso linomkhwa wokufuna ukubona le nto kungamelekanga liyijongile ngokuyithi krwaqu, liyibe.
- Indlala inamanyala: Umntu olambayo ude enze izinto abengenakuzenza xa ebengalambi.
- Ukuba luhlaza: Ukuba krwada, kuqaqadeka.
- Ukutya amaqhosh’ ebhatyi: Ukusebenzisa imali yakho ngolu hlobo ufuna ngalo, nokuba alwamkelekanga ekuhlaleni.
- Ukuphakanyelwa sisiciko: Ukuvukwa ngumsindo, maxa wambi kungekho sizathu soko. Umzekelo: Ndithe ndimbuza ngomntwan’ akhe uNazo wasuka waphakanyelwa sisiciko endingxolisa, ebuz’ ukuba ndingenaphi kwizinto zomzi wakhe.
- Ukutshicela eselweni: Ukukhalala.
- Ukudovuda indima: Ukona into entle esele yenziwe.
- Ukuba ngundilele: Ukungafuni kuzibandakanya nakuyiphi na into.
- Umpha ochutywe walahlwa: Umntu ongungantweni.
- Umpha wezala: Umntu ongungantweni.
- Ukuba yimbulu: Umntu othanda ukulinganisa abanye abantu, Umntu othanda izinto ezintle, ngakumbi impahla entsha, ayisebenzise kwangelo xesha agqiba kuyifumana ngalo.
- Ukuyibamba ngomsila: Ukunamathela entweni ungayiyeki.
- Ukuba ngumsila: Ukusoloko ulandela omnye umntu nokuba uyaphi.
- Ukuba nomsila: Le ntetho ibhekiswa kumntu onomkhwa wokungavali ucango xa ephuma okanye engena, ngakumbi xa kubanda kufanelwe ukuba kuvalwe emnyango, kuthiwe unomsila.
- Okwekati etshe icala: Ukuzibona ungcono ibe imeko yakho ingakungqini oko. Umzekelo: Hayi ke khona uSimanga usuke wandixaka ngokuzingca kangaka abe engasiboni isiphako sakhe oku kwekat’ etsh’ icala.
- Ukuvus’ umnyele: Ukucaphukisa.
- Ukuvuk’ inj’ ebomvu; Ukuba nomsindo.
- Yindlel’ enqwelo: Isimilo sakhe sithe tse.
- Ukophula izikeyi: Ukuqaqadeka.
- Akancweli mtya: Akalungiseleli meko xa aphonononga umcimbi. Into uyibeka njengoko ibonakala injalo.
- Unotshobo: Akalawuleki.
- Udle amasi egusha: Unamatshamba.
- Umalahlwa nofele: Umntu ekungenakuzuzwa nto ibalulekileyo kuye. Umntu ongeloncedo nganto. Umalahlwa nofele lihashe, kuba inyama yalo ingatyiwa.
- Ukuphala phambili: Ukungxama.
- Ukuba yingcuka: Umntu onentliziyo ende, ongoneliyo koko anako okanye akufumeneyo.
- Isijamankungwini: Umntu onochuku.
- Akaqhuqhekanga: Umntu othetha amagama alumezayo adla ngokubizwa ngezihlonipho.
- Ukuba krwada: Ukuthetha intetho ethukayo, elumezayo nemanyumnyezi ukuba ingathethwa ngumntu.
- Unomthi kanomyayi: Kubhekiswa kumntu osindayo ekubhaqweni kwizinto ezingamkelekanga azenzayo. Kukwabhekiswa kumntu ophuncuka lula emayenqeleni anzelwa wona, uthi selefunwa angafumaneki.
- Ukubethisa ngomoya: Ukungahoyi umntu ofanele ukuba uyamnceda.
- Ukuginy’ ilitye: Uqwebe isibindi sokwenza into ebefudula esoyika ukuyenza.
- Ukwenza umtsi wesele: Ukungxama ukuya apho uya khona, ukukhawuleza.
- Umzondo awuziva kunuka: Umntu owenza izinto ezingamnkelekanga abe engaziboni iziphoso zakhe.
- Zingasuzela zityebile: Angathi akhukhumale ikho into anayo angafuni kwabelana ngayo nabany’ abantu. Enomsindo nje kusenokuba uyabandakanyeka kule nto ithethwa ngaye.
- Iinyosi zinobusi: Ngumntu othi xa enento angafuni mntu ecaleni kwakhe. Kaloku xa zinobusi iinyosi azifuni kwanto ingumntu kufutshane naloo ndawo zakhe kuyo. Uyakuthi useza nje zibe zikukhawulela zikufaka ulwamvila, uyakuncama ujike, okanye uphambuke.
- Ukuba yincukuthu: Ukusoloko usamkela uncedo oluvela kwabany’ abantu ube wena usonga amandl’ akho ungancedisi nakancinane.
- Ukutsiba izicithi: Ukungalawuleki, ukusa ude uqaqadeke.
- Ukusithela ngesicithi: Ukunika isizathu esingavakaliyo ukuxhasa isenzo sakho.
- Nocwethe uzibon’ ubukhulu: Umntu ongajongelwanga ntweni naye uzibonakalisa ubunganga bakhe. Cwethe yimpuku encinci kakhulu apha ezimpukwini.
- Ukuvuth’ amadangatye: Ukuba nomsindo.
- Ukulephuza amadangatye: Ukuba nomsindo.
- Ukuba negqwaru: Ukuvele ucaphuke kungekho sidingo singako sokwenza oko.
- Ukuba nephuku: Ukuba nomsindo kungekho sizathu soko.
- Ukupuca: Ukungazimiseli, nje ngomntu omdala, ekwenzeni into esezingqondweni nemelwe ukukwenziwa ngabantu abadala.
- Iqotho-qikili: Umntu omela into nokuba akayichananga okanye ayamkelekanga.
- Ungqondo-gqwirha: Umntu owenzela abanye amayelenqe.
- Ukubholel’ ecaleni: Ukwenza into engangqinelaniyo naleyo yenziwa ngabanye. Ukwenza, ngezenzo nangentetha, okunxamnye noko kugqitywe ukuba makwenziwe.
- Ukuzenza idini: Ukuzincama okanye ukuzinikela ukuze kulungelwe omnye umntu.
- Uphambene wayipeni enye: Ukuba nomsindo yinto ze wenze okanye uthethe izinto ukuloo msindo.
- Umaph’ esoxutha: Ngumntu okunika into abuye ayifune, Ngumntu okunika ithuba lokwenza into abuye akunqande ukuba ungayenzi.
- Uvela barhwaqele: Ngumntu owoyikwayo.
- Ukubopha ngebande elinye: Ukudibanisa abantu kuluhlu olunye, nokuba kungenxa yezenzo ezihle okanye ezimbi.
- Ukubopha amabande: Ukudibanisa nantoni na onayo ukuzama ukuphumelelisa iinjongo zakho.
- Ukoyikisa ngenyoka efileyo: Ukoyikisa umntu ngento engekhoyo.
- Ukuzibamba: Ukuzinqanda ukuba ungayenzi into ocinga ukuyenza.
- Uqule waligangatha: Ukuzilungiselela ukumelana noxanduva oluphambi kwakho.
- Uwubophe wamncinci: Ukulungiselela ukuthath’ indlela.
- Izambana elibolileyo: Umntu osasaza umkhuba ombi phakathi kwabantu abenza okuhle okanye abacingelwa ukuba benza okuhle nekufanele ukuba bayakwenza.
- Ukubopha ngengubo enye: Ukudibanisa abantu kuloo nto yenzekileyo, nokuba abanye abayenzanga.
- Ukuquqa ubuyelela: Ukuphindaphinda ulandelela into.
- Ukubuza ibhasi ibhaliwe: Ukubuza into ecacileyo.
- Ukukhaba ngaw’ omane: Ukulandula kungabikho themba lokuba uzakuvuma.
- Ukutyhila kweliny’ ikhasi: Ukuguquka kwindlela obukade usenza ngayo izinto. Le ntetho ijoliswe kakhulu kumntu owenza ngcono kunokuba ebesenza.
- Andibethelwa nangu-re: Andiyihoyanga loo nto yenzekayo okanye ethethwayo ngam.
- Uchasele okwethamsanqa: Ukungafumaneki lula.
- Ilahle elinothuthu: Umntu okhangeleka elulamile athi akuqhwaywa avukwe yinkohlakalo.
- Ukuzibamba tsolo: Ukuzenza onolwazi oludlula wonke umntu.
- Ukuvala ngamahlahla: Ukukhusela ingxaki ingekehli.
- Singasemonyeni: Silindele ukuva iindaba.
- Ina-ethe: Njengoko ndikunika okulunge kuwe, nawe ndinike okulunge kum ngaxeshanye.
Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso