Amaqhalo ngempindezelo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Isikhuni sibuye nomkhwezeli: Umntu obephembelela ingxwabangxwaba, isuke yamjikela.
  • Uyakuv’ int’ embi eyaviwa nguhili waseMambalwini: Ungayenzi into engalunganga komny’ umntu kuba uyakwehlelwa yint’ embi xa eziphindezela, Kuthiwa ndoda ithile yamaMbalu yayikrokrela ukuba kukho uhili othandana nenkosikazi yakhe. Yacinga icebo lokumbamba yaza yagqiba kwelokuba izakwenza ngathi ithatha uhambo kodwa ibuye ngobusuku. Ngenene yenjenjalo. Ithe xa ibuya yaya kungquphantsi wayo yafika yabasa umlilo. Ngelingeni wafika uhili. Le ndoda yabiza abantu belali bambamba uhili lowo baza bambophelela emqolo kule nkosikazi babandulula ukuba bemke baye apho kungaziwayo.
  • Kwehla ngamqala mnye: Nawe yive le ntlungu bendiyiva. Le ntetho ibhekiswa kumntu obehlekisa ngentlungu yomny’ umntu okanye eyithatha lula ingxaki yaloo mntu suka ehlelwe yimeko ekumila kunje ngale ebehlekisa ngayo. Ithi yakuza kuye abuve ubuzaza bayo. Lo ebehlelwe yiloo ngxaki kuqala uthi kulungile naye makayive loo nto.

Umzekelo. Njani ukuba uthi mandincede uZinto kule ngxaki yakhe ekubeni ebehlekisa ngam izol’ oku ndinale ngxaki anayo namhlanje. Kwehla ngamqal’ amnye kaloku, naye makazisombululele njengoko nam ndenzile.

  • Ndixolel’ ukujing’ iliso: Ndingajongana nantoni na enokwenzeka kunokuba ndingayenzi le nto ndifun’ ukuyenza.
  • Uyakuva ngodakad’ ukunuka: Uyakubona ngeziphumo ukuba le nto uyenzayo ayilunganga.
  • Usilelwe isidudu semfe: Ubonakala ekruqukile yiloo nto yenzekayo okanye ayivayo, Imfe sisityalo esifana nezimba.
  • Ukujonga ngezikhondo zamehlo: Ukujonga omnye umntu ngolunya.
  • Ukutyikila ityuwa enxebeni: Ukongeza enye intlungu phezu kwale imveleleyo umntu.

Umzekelo. Endaweni yokuvelana naye wasuka watyikila ityuwa enxebeni emsola ngoko kwenzekileyo.

  • Ukungena ngegqudu emdudweni: Ukona into yabanye abantu ube ubungamenywanga nokumenywa kuloo nto.

Leave a Reply